17.2 C
King William's Town
Wednesday, July 17, 2024

Iinkokheli zangomso, bezilolwa kwingxoxo-mpikiswano

Umbutho ongajonganga nzuzo ICommunity Action Afrika ibibambe ingxoxo mpikiswano yabafundi ngempelaveki esiphuma kuyo eOrient Theatre eMonti kwiphondo leMpuma Koloni.

Lengxoxo mpikiswano ibibanjwa okwesihlanu nanjengoko yaqala ngonyaka ka 2017. Zizikolo ezingaphaya kweshumi ebezingquzulana kolukhuphiswano neziphuma kumasipala ombaxa wase Buffalo City. Umlawuli walombutho uMusa Sebugwayo uthi eyona njongo yolukhuphiswano kukuqinisekisa ukuba uyaphucuka umgangatho weziphumo zezikolo zabucala nanjengoko enye ye njongo yolukhuphiswano ikukuncedisana nabafundi ukuba bavelise iziphumo eziphucukileyo.


USebugwayo uthi enye ye ndlela enceda abafundi kolukhuphiswano kukuba bafunda ukuzithemba nokuthetha phakathi kwabantu ngendlela ephucukileyo. Umlawuli uSebugwayo uqhuba ngelithi eliphulo baliqale ngezikolo ezine zika wonke wonke kodwa ngoku zingaphaya kwamashumi amabini ananye nanjengoko bafaka nezabucala.


Kwizikolo ebeziyinxalenye kulonyaka singabalula esase George Randan, Canaan EL, Uviwe, Mzokhanyo, Lumko, Kusile, Centre of Excellence kwakunye nezinye. USebugwayo uthi isebe lezemfundo kwiphondo leMpuma Koloni liyabancedisa ngokugqithisa ulwazi nangona lingekabancedisi ngemali.

 

Eliphulo lisaqhuba kumasipala ombaxa wase Buffalo City kuphela kodwa abaququzeleli balomsitho bathi injongo zabo kukuya nase Gqeberha, eRhini nase Mtata.

Isikolo esiphumelele emagqabini yi Centre of Excellence iswantsulisa isikolo sase Lumko. Omnye wabafundi abaphumeleleyo uSongo Mbange uthi kuyabavuyisa ukuba yinxalenye yolukhuphiswano ngoba bafuna ithuba lokushukuxa imiba edla umzi nengqonge ilizwe lo mzantsi afrika, ukuphumelela kwabo kubonakalisa ukuzimisela emsebenzini wabo. Utishalakazi wesikolo I Centre of Excellence uDee Nkomo uthi uchulumancile ukubona abantwana babo bephumelela okwesibini nanjengoko babephumelele kunyaka Ka 2019, lonto uthi ibonisa ukuzimisela nentshisakalo kubafundi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
51 %
3.4kmh
100 %
Wed
17 °
Thu
24 °
Fri
20 °
Sat
16 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks