Home Ezemfundo Ikhethe inkokheli entsha i-WSU : uDr Thandiswa Mgwebi

    Ikhethe inkokheli entsha i-WSU : uDr Thandiswa Mgwebi

    IDyunivesithi iWalter Sisulu yonyule inkokheli entsha uGqirha Thandiswa Mgwebi. Oku kuza emva kokhuphiswano obelubandakanya abagqatswa abahlanu.

    Lo ka Mgwebi uza kungena esikhundleni sakhe ngokusesikweni kulonyaka uzayo ka 2026, engena njenge USekela  Ngqonyela ezihlangwini zikaNjingalwazi Rushiella Songca.

    Esi sibhengezo senziwe ngusihlalo webhunga leliziko lemfundo ephakamileyo uNjingalwazi Tembeka Ngcukaitobi ngemva kwemini ngoLwesithathu (22/10).

    UMgwebi usebenza njengomnye weenkokheli ezilawulayo, kwiNational Research Foundation kwaye ukhe wabamba iindima eziphezulu nakumaziko aquka iDyunivesithi iNelson Mandela, iDyunivesithi yaseNtshona Koloni kunye neDyunivesithi yeTekhnoloji yaseTshwane.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks