Home Ezemfundo Into xa intle iyanconywa

    Into xa intle iyanconywa

    URhulumente woMzantsi Afrika wenza okusemandleni ukuqinisekisa ukuba uluntu luyazifumana iinkonzo ezingundoqo kweli, ingakumbi kwicandelo lezeMpilo.

    Kunganganjalo kwezinye iindawo kwaye babahlali bakhalaze ngokusilela kukarhulumente ukuzisa iinkonzo kubo ingakumbi ezilalini zePhondo laseMpuma Kapa. Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo elijelo losasazo belityelele kwenye ye(Clinic) eziphantsi koMaspala waseNgqushwa eQeto. Le(Clinic) yavulwa kwiminyaka esixhenxe(2013) eyadlulayo kwaye inceda uninzi lwabantu abadala kunye nabantwana belali ezikifutshane nezigqonge idolophu yaseNgqushwa nephantsi koSodolophu uSanga Maneli.

    Kwincoko ebesinayo nabahlali abathile nabebelinde ukuhoywa ngamanesi kwelisebe, bame ngokuncoma indlela ekusetyenzwa ngayo nabathi bayalikhetha eliziko lezeMpilo kunelo likhulu laseNgqushwa iNompumelelo hospital)

    Bathi “kungcono leClinic incinci kuba xa silapha siyahoywa, ewe ngamanye amaxesha siye sincedwe kade ingakumbi xa siliqela, kodwa kungcono kunokuya kwezinye iindawo” Utshilo umhlali’

    Eliziko linabasebenzi abalishumi elinesithandathu(16) ngokupheleleyo kuquka unogada, umcoci kwakunye no(Admin) bonke besebenza phantsi kwesandla sikaSister MaRhephula.

    Ukanti uSister Marhephula nguye onguMphathi waleClinic yakwaWard 10 kwaye ngethuba sibukele indlela ekusetyenzwa ngayo kweliziko, naye simbone eququzela phakathi kwabantu njengonesi nto leyo ngamanye amaxesha iye inqabe ingakumbi kumtu onguMphathi our akhethe ukuzivalela eOfisini kunokuba ebesedabini lokunceda abantu.

    Umtu ngumtu ngabantu!

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks