Home Ezemfundo Ongayanga uphoswe lulwazi olulu lutho

    Ongayanga uphoswe lulwazi olulu lutho

    Iqhubile isenza ezibikwayo eMonti ingqungquthela ye(ICT summit) kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo. Lengqungquthela isingathwa minyaka lee iququzelelwa ngentsebenziswano yeIMBIZO ukuphucula ubuxhaka-xhaka balemihla ukwenza lula ubomi bethu.

    LeSummit, ichazwa njengendlu apho kudibana amacandelo olwazi, ubuchwephesha nokwabelana ngolwazi ngobuxhaka-xhaka balemihla.

    Uququzeleli walomsitho uMnu Motse Mfuleni, ngethuba ethetha neendwendwe zakhe eICC ubalule ngelithi, oko ebekunqwenela kwenzekile kwaye olusuku lubeneziphumo ezihle kakhulu. Utsho ke ecapha nakwizibhalo ezingcwele kwincwadi kaMatewu 28vs 19: “hambani ngoko niye kuzenza abafundi kuzo zonke iintlanga,nibabhaptize egameni loYise, uNyana noMoya oyingcwele”. Lomazwi wenkuthazo uwatsho ebulela uThixo nobengumseki ukwenza lemini ibeyimpumelelo.

    Ukwathe kwizicwangciso zengomso, uzimisele ukuya kwiindawo ezisemaphandleni ingakumbi ezilalini apho afuna ukutyala iimbewu entle ebantwaneni ukuze babenomdla kwanolwazi ngobuchwephesha balemihla.

    Lomsitho ubuzonyaswe nayiNkulu baphathiswa uOscar Lubabalo Mabuyane, uMphathi nomvelisi wobuxhaka-xhaka eMzantsi Afrika uHanley Nyathi; Loyiso Bala; Kieth Ngesi; nobanye abaninzi.

    Le ICT summit ingundlunkulu nodibanisa osomashishini bobuxhakaxhaka balemihla. Ibiyindumezulu nebigcwele ngamawaka abantu kuquka nabantwana besikolo abebexhotyiswa ngolwazi nezigqibo abanokuzithatha xa bephuma esikolweni ukukhetha lonto bafuna ukubayiyo.

    Kunyaka ophelileyo leNgquthela nayo ibiye yajongana nobunzima de ayenzeka ngenxa yentsholongwane yeCorona. Nangona kunjalo eliqela nabaphathi bayo balwile ukuqinisekisa ukuba kulonyaka iyenzeka kwaye izisa izisombululo zobuxhakaxhaka balemihla ingakumbi eMpuma Koloni. Eyona njongo kukuqinisekisa ukuba leICT summit incedisa iMpuna Koloni kuquka nokudala amathuba emisebenzi.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks