By Siphiwo Boqwana
Ngenxa yemvula enethe ngamandla kwiNelson Mandela Bay ingakumbi kwiidolophu ezifana neKariega neGqeberha, kunyanzeleke imidlalo ethile imane idlalelwa kwibala elisedolophini eGqeberha eNelson Mandela Bay, imidlalo yebhola ekhatywayo yamagqiyazana kwindebe yeCOSAFA.
Amabala asetyenziswa kulendebe eGeberha ngamabala aseGavandale kwiiNorthen Areas iWolfson KwaZakhele eSeysi kude kufutshane nakwisitalato iNobathana, namabala edyunivesiti iNelson Mandela.
Ukudlalwa eWolfson kuqalwe izolo umhla wamashumi amabini anesithathu(23) kweyeDwarha kude kube ngomso uLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesihlanu(25) kwakule yeDwarha inyanga.
Imidlalo iqala ngomhla wamashumi amabini anesithandathu(26) ngoMgqibelo ukuya kumhla wamashumi amabini anethoba(29) ngoLwesibini kule yeDwarha imidlalo izakudlalelwa kwibala iNelson Mandela Univercity.
Ibala iNelson Mandela Bay iyakusetyenziswa kwimidlalo ethile kagroup A noB ngomhla wamashumi amabini anesibhozo(28) kulenyanga ngommMvulo ezintsukwini kwiveki ezayo.
Amandulela kamagqibela kankqoyi azakudlalwa ngomhla wamashumi amathathu ananye(31) xa kuphela lenyanga, amagqibela kankqoyi wona adlalwa ngomhla wesibini(02) kwinyanga ezayo ngoMgqibelo kwiveki ezayo.
IBanyana Banyana iwuphumelele ngenqaku elinye kwiqanda(1-0) umdlalo wawo wokuvula kwimizuzu yokugqibela phambi kokuba kuphele umdlalo ngethuba bebetha iAngola ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesibini(22).
IEswatini ibhaxabule iSychelles ngamanqaku amathandathu eqandeni(6-0) kumdlalo wawo wokuqala(1). IEswatini ihleli kwindawo yokuqala(1) kwiģroup yayo ilandelwe kwindawo yesibini(2) yiBanyana Banyana, lamaqela mabini(2) azakudlala kumdlalo wesibini(2) iEswatini neBanyana.
Namhlanje eWolfson KwaZakhele iZambia yamagqiyazana ibethe amanina aseAngola ngamanqaku amathathu eqandeni(3-0). Ngoku umdlalo oqhubayo KwaZakhele eGqeberha ngumdlalo ophakathi kweMozambique neZimbabwe, amantombazana eMozambique anqenqeza phambili ngelinye eqandeni(1-0) inqaku isesisiqingatha sokuqala(1) kumzuzu wamashumi amabini(20).
