13.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

Makasiselise ezibandayo, akugqiba asijimise

Izolo bekubhiyozelwa usuku lweminyaka engamashumi amabini anesibhozo(28) ilizwe loMzantsi Afrika lavota okokuqala kubantu abamnyama uze kufunyanwe lenkululeko okanye ledemokrasi sikuyo.

Ngolusuku lukhulu kangaka, abahlali baseDutywa neziphaluka bebedibene kumdyarho wokubaleka nothe wasungulwa  nguMnikazi wendawo yolonwabo nentselo edume kakhulu ngegama iUrban Village Launge uNqabomzi Rozani wakuMputhi.

Bebephume ngendlu abahlali baseDutywa, ukuyokuthatha inxaxheba kulomdyarho kwaye bezilungiselele ukususela kunyaka ophelileyo ngenyanga kaNovember, ixesha owasungulwa ngawo. Lonto ngethuba simenyiwe, sizibonele abantu abebebonakala bonwabile kwaye bekulungele kangangoko ukubaleka umgama ongaphaya kwe(15km) imbaleki ze abo bebethatha(fun walk) uhambo benza u7.5km kuhola wendlela enqumla kuMputhi usingise eNgcobo.

UNqabomzi Rozani, nongumsunguli we Urban Village fun walk uthi eliphulo waliqala kunyaka ophelileyo ngenyanga kaNovember kwaye ukuzothi ga ngoku abantu babonakalisa umdla kakhulu nanjengoko ukususela ngoko bafuna ukuba aqhubekeke ukwenza oku. Ukwathe eliphulo uliqale kuba ezama ukukhuthaza abantu ukuba bazilolonge, kwaye baziphathe kakuhle.

Omnye wabathathi nxaxheba ogama linguNhoza Vitshima uthi” kalok uNqaba makasiselise akuqhiba asijimise” utsho ecacisa ngelithi xa engumtu osonwabisayo ngezibandayo nakwiGym masiye kwaye kumnandi kuba naye ubakunye nathi” utshilo.

Eliphulo likaNqaba, ulenze encediswa nangabo bafaki izandla(sponsors) ukuqinisekisa ukuba elisuku liyimpumelelo. Ababaxhasi nguMaspala waseMbashe kwicandelo lamagosa esendlela(traffic office) Distell, Kwam Capital Partners kunye ne Weirs Dutywa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
13.6 ° C
13.6 °
13.6 °
89 %
2kmh
20 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
28 °
Sun
24 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks