17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Ithemba alibulali! iinqwelo-moya eMtata zingaya eKapa kungekudala.

Izicwangciso zesebe lezothutho eMpuma Koloni zokuba nenye inqwelomoya esebenza kwisikhululo seenqwelomoya saseMthatha ziyaqhubeka nokuhlanganisa umphunga. Isikhululo seenqwelomoya saseMthatha ngoku sisetyenziswa yiAirlink, ibonelela ngenkonzo yaseRhawutini kuphela.

Amagosa esebe, ekhokelwe nguMphathiswa, uWeziwe Tikana-Gxotiwe izolo edibene nomnye umdlali kushishino lwezophapho, iCemAir. Le yinkampani yeenqwelomoya enamava amaninzi ekusekweni ezo zibizwa ngokuba zizikhululo zeenqwelomoya ezincinci. Igqiza elisuka kwiCemAir belikhokelwa yingqonyela yenkampani, uMnu. Miles van der Molen.

UMphathiswa uTikana-Gxotiwe uyichophele indibano neCemAir njengengumqala kunye nevoti yokuzithemba kuqoqosho lwephondo leMpuma Koloni.

“Siziva sithobekile kukuba iCemAir yeyona ethe yathatha inyathelo lokuqala, nabo bayayibona into ebesiyishumayela ngesikhululo seenqwelomoya saseMthatha, njengeyona iqaqambileyo. Siyazi ukuba akukho nto igqityiweyo okwangoku, nangona kunjalo, sinethemba lokuba uthethathethwano lwethu luza kuqala kwaye siza kubona iCemAir ibonelela ngeenkonzo zophapho ezifuneka kakhulu kubantu abakwicala leMpuma yephondo lethu,” utshilo uTikana-Gxotiwe.

I-CemAir ithi inani le-shere lendawo yenkonzo yesikhululo seenqwelomoya liyakhuthaza kakhulu. Inkampani yeenqwelomoya yakhawuleza yachaza ukuba indlela ekhoyo yaseRhawutini izakuba lula ukuyisebenzisa, nangona kunjalo isicwangciso sexesha eliphakathi ukuya kwelide iyakuba kukuhlola iKapa elifunwa kakhulu ngokunjalo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks