By Lindi Danca
INkundla yamatyala oRhwebo eGqeberha igwebe uViolet Nontsikelelo Shishuba oneminyaka engamashumi amane nanye (41) ubudala iminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28).
INkundla yamatyala oRhwebo eGqeberha igwebe uViolet Nontsikelelo Shishuba oneminyaka engamashumi amane nanye (41) ubudala iminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) emva kokufunyanwa enamatyala angamashumi amane (40) obuqhophololo kwakunye namahlanu (05) otyeshela umthetho wothintelo lobukrelemnqa (Organised Crime Act 121 ka-1998).
UViolet wayesakuba ngunobhanka webhanki kwisebe leNedbank eMakhanda. Ubuqhophololo obenziwe nguShishuba bufikelele kwi-R3.8 yezigidi, eyenzeka phakathi komhla wamashumi amathathu (30) kuJulayi ka-2021 nowe-18 ka-Agasti ka-2021.
UShishuba wayenoxanduva lokulinganisa imali ekwisefu yakhe kunye neentengiselwano zakhe zemihla ngemihla, ezithe zangqinwa ngokuchasene neengxelo ezenziwe kwinkqubo yebhanki. Kwisibongozo sakhe esibhaliweyo evuma ityala, uye wavuma ukuba ukhuphe iimali ezininzi ukusuka kwiakhawunti enkulu yakwaNedbank ukuya kwiiakhawunti ezininzi eziphantsi kolawulo lwakhe kunye nezo zeqabane elalingengomsebenzi webhanki ngokungekho mthethweni. Urekhode intengiselwano yobuxoki “ye-inter teller cash in” kunye “ne-inter teller cash out” ukufihla olu tshintshelo lobuqhophololo.
Inkundla yafumanisa ukuba uShishuba wadibana nogxa wakhe, owayesebenza kwivenkile yasekuhlaleni, kwaye wacengwa ukuba atyale imali kwiskimu sotyalo-mali esibonakala sisemthethweni. Emva kokuchitha imali awayeyongile waza wathabatha iimali-mboleko ukuze atyale imali eyongezelelekileyo, uShishuba wazifumana esengxakini yemali xa iimbuyekezo awayezithenjisiwe zisilela. Enqwenela ukubuyisela ilahleko yakhe, waqalisa ukurhwaphiliza imali yakwaNedbank ukuze ahlawule abantu awayekholelwa ukuba batyale iimali zabo.
Obu buqhophololo baabonakala xa ukungangqinelani kwiingxelo zemihla ngemihla zesebe kubangele ukuba iNedbank iqhube uphando lwangaphakathi. Olu phando lubonise indlela uShishuba asebenzise ngayo imali ngendlela engafanelekanga ngoluhlu lweentengiselwano ezikhohlisayo, ezifihlwe ngamanani emali yobuxoki.
Ukuxoxa ngesigwebo esifanelekileyo, iGqwetha loMbuso u-Ulrike De Klerk ugxininise ubuzaza bamatyala kaShishuba kunye nemfuneko yokuba abantu baphendule ngezenzo zabo zobuqhophololo. Inkundla yavuma, igxininisa ukuba ukuziphatha kukaShishuba kubonisa ukungawuhoyi ngokuphandle umthetho kwaye yagxininisa imfuneko yokuphendula.
UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usamkele isigwebo waza wancoma iinzame zeqela lezotshutshiso, amapolisa, kunye necandelo lophando lwangaphakathi leNedbank ngomsebenzi wabo wenkuthalo wokuzisa eli tyala enkundleni.
“Eli tyala lisisikhumbuzo esicacileyo seziphumo zokuxhaphaza abaqeshi kwaye ligxininisa ukubaluleka kokunyaniseka nokuthotyelwa kwicandelo lezemali. Ulwaphulo-mthetho olubi kakhulu lwezorhwebo lubeka emngciphekweni uzinzo lwezoqoqosho lwelizwe lethu, ngoko ke, i-NPA izibophelele ekuthatheni isigqibo esiqatha ekutshutshiseni amatyala anje,” utshilo uMadolo.