Kuzoba manzi iisali kumsitho ozakube use Monti obizwa ngokuba yi Beats & Wheels, nezakuqala ngentsimbi yeshumi kusasa kude kuse tya phandle.
Lomnyhadala mkhulu uzakubanjelwa kwi Bala leBhola ekhatywayo I ABSA ngomhla wesibhozo(8) kwinyanga ka mOctober kulo nyaka umiyo.
Emini ngolusuku kuzakubakho umboniso wezithuthi zikanokutsho kunye nezinye iimpawu eziphezulu ezizakube ziboniswa kunye nendawo yokudlala yabantwana.
Konke oku kuzakube kulandelwa ngu mnyhadala womnculo ozakuqala ngentsimbi yesine emva kwemini, nalapho kuzakuboniswa iindidi ze talente zomnculo weli Lizwe nosuka kwii mvumi ezifana noo Kelly Khumalo, Makhadzi, Watershed, Jimmy Nevis, De Mtuda, Lebo Molax, Paxton, Zakwe, Aubrey Qwane, Dlala Regal, oo Qhubeka ushukuma dadewethu, Micayla, Dj Spin kunye nama Piano iGqom.
Kuzakube kumnandi kuxhelelw’exhukwana awukwazi ukuphoswa walala wasala.
