Home Iindaba Ababulali bakaNkosi uNogcinile Mtirara kukholelwa ukuba bafuna unyana wakhe

    Ababulali bakaNkosi uNogcinile Mtirara kukholelwa ukuba bafuna unyana wakhe

    Umhlali welali yaseMqhekezweni kwisithili saseOR Tambo eMpuma Koloni uthi abantu abadubule uNkosikazi Nogcinile Mtirarawere bebekhangela unyana wakhe.

    Amapolisa akhangela abarhanelwa emva kokubulawa kukaMtirara kunye nokudlwengulwa kwabafundi abathandathu (6) beBanga leShumi  kule lali ngobusuku.

    Abafundi bebekwindlu abagxamesa kuyo ngethuba bedlwengulwa. Akukacaci ukuba udlwengulo kunye nokubulala kuyanxulumana na.

    Isithethi sosapho uMandlonke Mdazuka uthi bothukile, kwaye ngethuba efumana ingxelo ebevela eGreat Place, malunga nentsimbi yesibini (2:00 am), uthi uxelelwe ukuba uNogcinile Mtirara, oyinkosi, udutyulwe wasweleka.  Apho athe okufuka kwakhe ekuseni, waxelelwa ukuba kufike abantu ababini baza bangena endlwini ngomnyango wangaphambili waza weva ukuba kukho abantu ngaphakathi.

    Uthi umfi, uphume egumbini lakhe apho bathe  bamdubula kwangoko xa bembona. Kukakholwa ukuba bebekhamgela unyana wakhe owayesesendlini ngelo xesha.

    Ukanti kukwafunenwe omnye umzimba enenxeba lembumbulu.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks