Abadlali abane abakalazi ikamva labo ukuba lime ndawoni ukuzakuthi gaa ngoku kwezimnyama ngenkani.

By Siphiwo Boqwana.

Bane (4) ngoku abadlali abangalaziyo ukuba ikamva labo neOrlando Pirates lime ndawoni na, abo nguGilberto odlala ephikweni waseAngola, uMonapule Saleng, uGoodman Mosele noSiphelele Baloni nobekhe wakwimboleko kwiqela leChippa United nalapho ebedlala kakuhle khona. Naye uMosele ebekhe wakwimboleko kwiChippa.

USaleng, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala wagqibela ukudlala kwibhakabhaka kunyaka ophelileyo ngenyanga yoMnga, isivumelwano sakhe nePirates siphela kunyaka ka2027, usashiyekelwe yiminyaka emibini(2) kwisivumelwano sengqesho, ukhumbule ukuba uMonapule usekwimbambano neqela lakhe iPirates malunga nomvuzo wakhe.

UMosele nangona edlala kakuhle ngokuncomekayo kodwa ebengadlaliswa ngumqeqeshi uJose Riveiro omkileyo. UGoodman oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala ukhe waya kwiqela laseMpuma Kapa elizinze eGqeberha, iChippa United, nalapho ebedlala kakuhle, abalandeli abaninzi babecinga ukuba uzakuhlala kwiChilli Boyz unomphelo nanjengoko bekusele kusaziwa ukuba akazukudlala kuba baninzi abadlali basesiswini kweliqela.

UBaloni ongumdlali wasesiswini, yena usanda kubuya ekubolekisweni kwiChippa, Naye ebedlala kakuhle kwiChippa kodwa kwaphela ixesha babuyela kwezimnyama ngenkani. UBaloni uneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA