Home Ezemidlalo Abadlali beqakamba abasakhasayo baseGqeberha bafumana ukomelela ngokusungulwa kweminatha emitsha yeqakamba

    Abadlali beqakamba abasakhasayo baseGqeberha bafumana ukomelela ngokusungulwa kweminatha emitsha yeqakamba

    Abadlali beqakamba abasakhasayo abakwilokishi yaseWalmer eGqeberha bafumene ulwamvila olwamkelekileyo ngokuvulwa ngokusesikweni kweminatha emithathu yeqakamba.

    Oku ibiyingqondo kunye nephulo lomdlali weqakamba waseGqeberha wasekhaya nowayesakuba ngumdlali weqakamba woMzantsi Afrika, uMalibongwe Maketa, nothe iphupha lakhe leminyaka emithathu lizalisekile kwindawo yezemidlalo eWalmer ecaleni kwendlela iBuffelsfontein ngoLwesibini.

    Abadlali abancinci beqakamba, abanxibe izikipa ezigxininisa uthando lwabo lomdlalo, abakwazanga kuzibamba yimincili yabo ekugqibeleni beqeqeshe kwiminatha emitsha kraca.

    “Lo ngumzuzu onzima kakhulu. Kuthathe umsebenzi omninzi ukufika kule ndawo sikuyo namhlanje,” utshilo uMaketa, okwayiCricket SA National Academy kunye nomqeqeshi oyintloko we-SA under 19

    Uthe inkuthazo yokubona le projekthi bubuso babantwana abancinci adibana nabo rhoqo ezitalatweni bedlala iqakamba.

    “Ndikholelwa ukuba ngumsebenzi wam njengommi woMzantsi Afrika ukudlala indima yam ekuphuculeni indawo endihlala kuyo, kwaye ndiqaphele ukuba akukho midlalo yeqakamba efumanekayo ukuze ulutsha lwelokishi yaseWalmer luzilolonge nokwakha izakhono zalo”.

    Ngokwengxelo, uMaketa ebesebenzela ukwakhiwa kwendawo yeqakamba isithuba seminyaka emithathu, kodwa ibiyeyona nkxaso inkulu evela kwiBoardwalk ekuqaleni kwalo nyaka ethe yade yaqhuba.

    “Amagalelo avela kwiBoardwalk Mall, iPPC Cement, kunye neKelston Motors nabo bancedise ekuboneni iminatha kunye nebala lokwenziwa livuleleke kuluntu ukuqala ngomhla wama- 28 kaOkthobha”.

    “Ndingathanda ukuba oku kukhule kube liziko elixhaswa yiCricket South Africa ukuze idale umbhobho wabadlali abaza kudlala iEastern Province Cricket,” wongeze watsho uMaketa.

    Umhlali welokishi yaseWalmer uMaziz’onke Ngwendu uthe uzakuvolontiya ngexesha lakhe ukuqeqesha ulutsha.

    Umanejala jikelele weBoardwalk Hotel and Casino, uTati Tsunke, uthe le projekthi ifanelekile nanjengoko iSun International igxile ekuxhaseni imfundo, kwaye ikholelwa ekubeni ulutsha likamva lelizwe.

    “Sinethemba lokuba iminatha yeqakamba izakunika iiyure zolonwabo kwaye abanye abadlali beProtea bazakwenziwa,” wongeze watsho.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks