24.3 C
King William's Town
Wednesday, April 3, 2024

Abafundi baseGqeberha bonzakele kwingozi yemoto kuN2

Abafundi abalishumi elinesithathu besikolo saseGqeberha bonzakele kwingozi eyenzeke kuhola wendlela uN2 eKareedouw ebandakanya ibhasi yesikolo.

Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithi bebesendleleni besiya kumsitho wezemidlalo eKnysna ngoLwesine ngethuba kusenzeka le ngozi.

Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo, uthi le mini-bus ibhukuqekile, konzakala abafundi, omnye wabo ukwimeko emaxongo.

Akavumanga ukubiza igama lesi sikolo ngelithi imeko imbi okwangoku, nangona imifanekiso yebhasi yesikolo sele isasazwe liSebe lezoThutho eMpuma Koloni.

Isithethi sesebe lezothutho u-Unathi Bhinqose uthi kutyholwa ukuba umqhubi uye waphulukana nolawulo lwemoto phambi kokuba iqengqeleke.

Inqwelo-ntaka ithunyelwe kwindawo yexhwayelo ukuze ikhwelise isigulana esonzakele kakhulu yasisa kwisibhedlele esikufutshane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
24.3 ° C
24.3 °
24.3 °
47 %
5.2kmh
100 %
Wed
24 °
Thu
33 °
Fri
17 °
Sat
13 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks