Abafundi, abazali nootitshala babambe umngcelele kwizitalato zomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay ukuya kwisikhululo samapolisa aseMotherwell ngoLwesihlanu umhla weshumi elinethoba kuTshazimpuzi, befuna ukuba iindawo ezingaphakathi nezingqonge izikolo zenziwe zikhuseleke ngakumbi. Bathi ukwanda kolwaphulo-mthetho kutsha nje kubangele ukuphazamiseka kwenkqubo yesikolo, njengoko uninzi lwabasebenzi nabafundi bengasaziva bekhuselekile esikolweni.
Ngokweenkcukacha-manani zamapolisa ephondo kukho amatyala angamashumi amane anesibini (42) okubulala kunye namatyala angamashumi amane anesine (44) okuxhwilwa kweemoto eMotherwell phakathi kweyeDwarha ka-2023 ukuya kweyoMnga ka-2023, kwaye inani lokuqhekezwa okuxelwe kwiSikhululo samaPolisa saseMotherwell lelesine phezulu kweli phondo.
Ukusukela ngoNovemba, izikolo ezilikhulu namashumi amathathu ananye (131) zengingqi yaseNelson Mandela Bay ziphangiwe, uninzi lwazo zikhonjwe ngemipu. Ekuqaleni kwenyanga kaTshazimpuzi kubekho ingxelo yokuba isebe lezemfundo eMpuma Koloni longeze iR59-million ukuthintela ukhuseleko ezikolweni zeli phondo.
Abafundi abancinci besikolo esiphakathi eNxanelwimfundo eMotherwell bahambe ngoLwesihlanu besuka kwisitalato besiya kwisitrato betyhutyha elokishini becula becula besithi “Malunciphe ulwaphulo-mthetho, mabunciphe ubundlobongela, Khusela izikolo zethu”.
Inqununu uNomonde Dlamini, obekhokele lo mngcelele, uthe isikolo sakhe sinabafundi abamalunga namashumi alithoba anamashumi amabini (920) ubuncinane, ukusuka kwibanga labaqalayo ukuya kwelesixhenxe nabamalunga namashumi amabini anesithandathu abafundisi-ntsapho.
“IMotherwell yindawo ethandwa kakhulu lulwaphulo-mthetho ingakumbi kwizikolo zethu. Sithathe isigqibo sokwazisa uluntu sisebenzisa abantwana kuba abantwana bayachaphazeleka nanini na xa kuphangwa esikolweni,” utshilo.
Usihlalo webhodi elawula isikolo (SGB) uBonakele Lungu uthe iNxanelwimfundo ibe lixhoba lokuqhekezwa okuliqela kutshanje, kwaye abafundi baphangwe ngaphandle kwesango lesikolo.
“Kuyo yonke indawo iNelson Mandela Bay izaphuli-mthetho zingena ezikolweni zikhuthuze ootishala. Bathatha iiselfowuni, iilaptop bathathe nezithuthi zabo. Ixhala lethu lukhuseleko lwabantwana kuba baba ngamaxhoba xa bebona olu lwaphulo-mthetho.”
Umphandi kwi-Equal Education, u-Stacey Jacobs, uthe: “Kukho uxanduva nemisebenzi urhulumente kazwelonke nowamaphondo ekufuneka eyithathe ukuqinisekisa ukuba imigaqo nemigangatho yeziseko zophuhliso zezikolo iyagcinwa. Iimfuno zeziseko zophuhliso zokhuseleko zesikolo zibandakanya ukubiywa kocingo ubuncinane yi-1.8m ukuphakama.
IGosa uEmile Grange ovela kwisikhululo samapolisa eMotherwell ufumene ixwebhu lezikhalazo zeliqela egameni lamapolisa. Uthembise ukuba kuya kubakho ukubonakala kwamapolisa ngakumbi ezikolweni. “Sizimisele ezikolweni zethu. Sibongoza izikolo ukuba zigcine amasango evaliwe ngalo lonke ixesha kwaye avule kuphela xa abantwana begoduka,” uxelele abo bamatshileyo.
Ebuzwa isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uVuyiseka Mboxela uthi uMphathiswa wezeMfundo, uFundile Gade, uphendule imiba yokhuseleko ezikolweni ngethuba ebetyelele eGqeberha ekuqaleni kukaTshazimpuzi.
