By Ayabonga Ntengu
Ngokutsho kwejelo leendaba uNews24, bakhutshelwe ngaphandle abahlali baseKariega kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni kulandela izandyondyo zemvula ezihlasele le ndawo ngobusuku.
Abahlali baseKariega babhale kumakhasi onxibelelwano ukuba iindawo zale dolophu ziphinde zagcwala amanzi.
Umanejala wemisebenzi yeGift of the Givers Foundation, u-Ali Sablay, uthe bekukho iminxeba yokucela uncedo loluntu.
“Abahlali bathuthwa besiwa kwiiholo zezikolo nakwiicawe, kwaNobuhle akukho manzi okusela nangona umzi wamanzi ugcwele amanzi,” utshilo.
“Kungoku nje sinxibelelana namaqela asekuhlaleni ajongene neentlekele athe achonga azama ukubakhupha abahlali, amaqela ethu azakusinceda, kwaye uluhlu loncedo olungxamisekileyo oluthunyelwe kuthi ziingubo, oomatrasi, izinto zococeko, nokutya okushushu ukuze sincede amaxhoba ezikhukula, aza kufakwa kwiiholo zesikolo nakwiicawe.”
USablay wongeze ngelithi umbutho uzakuthumela iitanki zamanzi ezisuka eAdelaide kwiindawo ezingenamanzi okusela.
“Sizakubeka esweni iimeko kwiikliniki nasezikolweni ukuze sibone ukuba ziyawafuna na amanzi, amaqela ethu azakuba semathontsi ukusukela kusasa namhlanje ukuze ancedise igqiza elijongene neentlekele zengingqi nokuqinisekisa ukuba zonke iimfuno zoluntu zamaxhoba ezikhukhula zinyanyekelwe,” utshilo.
Isithethi somasipala waseNelson Mandela Bay uSithembiso Soyaya uthi abahlali baseGqirha Braun bakhutshelwa kwinkonzo yaseDe Mist NG, ngelixa abahlali abaseLapland beza kukhutshelwa eRosedale Indoor Sport Centre. Ukukhutshwa kwabantu kuyaqhubeka eMissionvale nase-Uitenhage.
USoyaya uthi ibhulorho yaseKruisrivier iyadilika kwaye iindlela ezininzi zaseGqeberha zivaliwe ngenxa yezikhukula.
Ezi ziquka iPerserance Crossing, iBethelsdorp Road, Bertram Road, Willow Dam, Rensburg Street, Kleinskool Crossing, Standford Road, Kariega Durban Road, kunye nesitalato iMadina. Amacandelo e-N2 kunye ne-M4 nawo achaphazelekile.
NgoMvulo, iphondo lifumene izilumkiso ezivela kwiNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika (SAWS), ephakathi kwenqanaba lesi-2 nelesi-6, malunga nemvula ephazamisayo.
Ephendula, uMphathiswa weCogta uZolile Williams uthe iziko lolawulo lweentlekele kwiphondo liza kuba semxholweni kwaye bonke oomasipala baziqalile izicwangciso zabo zokulungela iintlekele.
