Home Iindaba Abavoti baphume ngobuninzi kuonyulo lonyaka ka-2024 eMdantsane.

    Abavoti baphume ngobuninzi kuonyulo lonyaka ka-2024 eMdantsane.

    Abahlali kunye namalungu emibutho yezopolitiko bayayincoma inkqubo yokuvota engenamagingxigingxi, nangona bekukho imingeni emincinci kwezinye izikhululo zovoto.

    Kusuku lwayizolo 29 Canzibe 2024, eMdantsane, ngexa uMzantsi Afrika ubuququzelelela uvoto luka-2024 worhulumente omtsha ozakuphatha, abantu bebephume ngobunintsi babo mbambo zone zelilizwe beyobeka ooX babo.

    Intatheli yelijelo leEC Indaba ibiphakathi kwabahlali baseMdantsane kwa-2 kwawadi 11, ifuna ukuva uluvo lwabahlali kunye namavolontiya amaqela ezopolitiko. Uninzi lwabahlali bavakalise imbono ethi uvoto kulawadi belunocwangco luzinzile, kwaye akukho zingxwabangxwaba zithe zenzeka phakathi kwabameli okanye iiArhente zamaqela ezopolitiko.

    Omnye wabahlali bakwawadi-14 kwa-2 kwisikhululo saseMfundo Higher Primary School uNtlantla Isaac, uthe lo rhulumente ukhoyo ngoku nokuba ungaqhuba ukhokele ilizwe akaboni nto igxekekayo ngaye, kwaye enethemba lokuba urhulumente ozakuthi aphathe uzakwenza kangangoko ukuphucula imeko yentlalo yaseMdantsane.

    “Ndiyaqala ukuvota namhlanje kwaye ndiziva ndingummi opheleleyo waseMzantsi Afrika. Into endibawela ukuyibona kurhulumente ozakuphumelelela kukuba kwakhiwe izikolo zemfundo ephakamileyo ezintsha ukuze uninzi lolutsha lukwazi ukuqhubeka nemfundo, kwaye ndinomnqweno wokubona izakhiwo zemidlalo yolonwabo ezizakuthi zikhuphe ulutsha lwethu kwimikhwa ebulala amakamva ethu,” utshilo uNtlantla.

    U-USivile Qoni yena obevota okwesibini ebomini bakhe kwisikhululo saseLangelitsha Higher Primary School, uthe eyona nto anqwenela ukuba itshintshe eMzantsi kukubona ulutsha lufumana imisebenzi abayifundeleyo ukwenzela abantu bakwazi ukuphucula iimeko abakhula phantsi kwazo kwaye kuzotshintsha nemeko yentlalo yeengingqi abakhula phantsi kwayo, uthi amaphupha olutsha lakwaN.U 2 ayatshabalala ngoba akukho bantu bayimizekelo eluntwini.

    Kanti amalungu eeArhente zamaQela ezoPolitiko nawo aphawule okuhle ngentsebenziswano phakathi kwabo kunye namagosa eKomishini yoNyulo eziMeleyo, intatheli yejelo leEC Indaba ifumane udliwano-ndlebe neeArhente zamaqela amabini iAction SA kunye neEconomic Freedom Fighters.

    UAsanele Nkonzo, olilungu leqela iAction SA kwisikhululo saseLunga Primary School eMdantsane kwawadi-11, uthe uvoto lwalengingqi belunocwangco ekwancoma ke nabantu ukuba baphume ngobuninzi babo ingakumbi abantu abakhulu. Ukwabalule nemiceli mngeni abathe bajongana nayo kumagumbi ovoto nezixhobo zokuvota.

    “Eyona miceli mngeni ebesijongene nayo kukufika kwabantu sifumanise ukuba ababonakali kuluhlu lwabavoti kwisistimi yakwaIEC, kodwa avele kolwethu, kunye nokuxinga koomachine bokuskena, kodwa ngaphandle koko akukhange sibenangxaki.”|

    Kanti yena uThobela Siqholo olilungu lweqela leEFF kwawadi-11 kwisikhululo saseLunga Primary School eMdantsane, uthi enye yeengxaki ayibalulayo abazatkuthi bayokuyiqonda phambili yindima yokuba ibhokisi yebhalot kuthwe igcwele, unkxalabo yabo beliqela leEFF ibikukuba lebhokisi izakukhutshelwa phi ke ngoku, kwaye ngubani ozakuba nexanduva lokugada ezoovoti. Ebuza ukuba yenzeka njani lo nto.

    Amalungu kunye namavolontiya ombutho weANC akakhange afune kwaphela ukubamba udliwano-ndlebe nathi ngelithi bafuni ukungena engxakini.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks