Abahlalisanayo bayafana nje nabo batshatileyo kulomthetho upasisiweyo

INkundla ePhakamileyo yeziBheno kwisigwebo samva nje, iqaphele ngokusemthethweni ubudlelwane bokuhlalisana. Kaloku obubudlelwane, sisibini esithandanayo kwaye sibe sihlala ndawonye okanye phantsi kophahla olunye. Ngoku inkundla igwebe kwelokuba ababini abahlalisanayo mababe nesabelo esilinganayo kuthotho lwezinto abanazo ngokufanayo nabo batshatileyo. Oku kwaphakanyiswa sisikhalazo esafakwa kulenkundla linina elalihlalisana nesoka isothuba seminyaka elishumi elinesithandathu(16) ze emva koko bohlukana. Owasetyhini wafaka isimangalo xa ebona ukuba uphuma kubudlelwane engaphethanga necephe. Kulapho ke nenkundla yabona ubulungisa obungaphelelanga ingakumbi kuba lowasetyhini eveze ubugqina obubambekayo ngezixhobo kunye nengeniso ayenzileyo kobubudlelwane beminyaka.

Kungoko ke inkundla igweba kweloba abahlalisanayo bayazi ukuba ngoku izinto zitshintshile kwaye ulowo nalowo namakaye elazi ilungelo lakhe.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA