Kwiphulo lobuntlola eliqhutywa bubuntlola bencediswa ngamalungu aphantsi kweTactical Response Team (TRT), abezomthetho kwisithili saseAmathole kwakunye nomasipala babambe abarhanelwa abane (4) abaphakathi kweminyaka engamashumi amane anesine (44) namashumi amahlanu anesithathu (53) ubudala ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinesithandathu (16) kweyeThupha, ecaleni kwendlela uN2 ngaphandle kwase Dutywa.
Amalungu angenele iphulo iOperation Shanela ngeenjongo zokulwa nokuthintela ulwaphulo-mthetho kwindawo yamapolisa aseMbhashe naseMnquma. Amalungu eCrime Intelligence and Tactical Response Team anikwe ulwazi malunga nezigebenga ezithi ziceba ukuphanga, ziqhuba iMercedes Benz kunye neFord Ranger esingise eGcuwa. Bathe gqolo ukusebenza kuhola wendlela u-N2 ukunqanda abanqevu, baze babona iimoto ezikrokrisayo kufutshane neNdawo yaseNgxakaxha, bakwazi ukumisa enye yezo nqwelo. Imoto yohlobo lweMercedes Benz yabaleka ngesantya esiphezulu, yaza yaleqwa. Bafumana ingozi, yaye ababini ababekhwele apho babaleka. Ekugqogqeni kwezi moto amapolisa afumene imipu yehlobo le-AK 47 Rifle, rifle yeR5, imipu emibini, iimbumbulu ezahlukeneyo, iibhalaklavu kwakunye neeglavu.
Ngophando olunzulu, amapolisa afumanise ukuba zombini ezi zithuthi zibiwe eThekwini ekuqaleni kwale nyanga. Ukanti aba barhanelwa bazakuvela kwinkundla kamantyi eDutywa ngoMvulo umhla weshumi elinethoba (19) kweyeThupha ngezityholo zokuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha.
UMkomishinala wePhondo uNjengele Nomthetheleli Mene uyibulele impendulo ekhawulezileyo ngabo bonke abezomthetho ekhokelele ekubanjweni nasekubhangiseni uphango kuxhotyiwe. “Ukuthatyathwa kwemipu kunye neembumbulu kubonisa ukuba amapolisa aza kulwa ulwaphulo-mthetho kwaye aqinisekise ukubanjwa,” wongeze watsho.