Home Iindaba Abantwana baseMossel Bay bangeniswe esibhedlele, emva kokuba kutyholwa ukuba batye ichips zevenkile...

    Abantwana baseMossel Bay bangeniswe esibhedlele, emva kokuba kutyholwa ukuba batye ichips zevenkile yasekuhlaleni

    Umasipala wesithili saseGarden Route eNtshona Koloni uthi abantwana abalithoba (9) bommandla waseMossel Bay abangeniswe esibhedlele izolo emva kwezityholo zokwabelana ngeechips ezithengwe kwivenkile yasekuhlaleni.

    Aba bantwana babe namahlaba esisu baza ngoko nangoko basiwa kwisibhedlele sasekuhlaleni. USodolophu kamasipala uAndrew Stroebel uthi abantwana sele bekhutshiwe. Uthi amagcisa ezempilo kwezendalo sele eqalisile ngophando ngesi sehlo. IChips ziya kuthunyelwa kwilebhu kwaye iziphumo zovavanyo ziya kwenziwa esidlangalaleni.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks