By Ayabonga Ntengu
Abaqweqwedisi eMpuma Kapa bawandisile umsebenzi wabo kwaye bajolise kubakhwetha esuthwini, befuna imali yokhuseleko kumakhankatha namanqalathi abo.
Amanqalathi, badla ngokuba ngamakhwenkwe amancinane aphuma kwiintsapho zabakhwetha okanye abangabamelwane abasondeleyo, bethutha ukutya nezinye izinto bazise enmtabeni ukuncedisana nabakhwetha.
Oorhunta bakwaNobuhle, ngaphandle nje kweNelson Mandela Bay, banyanzelisa ukuba la manqalathi, ahamba iiyure ezininzi ukuya entabeni ahlawule imali yokhuseleko.
INkokeli yabahlali nomfundisi, uThamsanqa Nkevu, wongeze ngelithi nanjengoko le iyiveki yokuqala yesizini yolwaluko, kwezi veki zizayo amakhwenkwe athe gqolo ukusingisa ehlathini.
NgokukaNkevu, amaxesha amaninzi, aba baphuli-mthetho bafuna imali yokhuseleko “ibingengomigulukudu yokwenyani” koko lulutsha olungenanto yakwenza ngaphandle kokuphila ubomi bolwaphulo-mthetho.
“Abanye ngamakrwala asandokubuya esuthwini kunyaka ophelileyo okanye kulo nyaka, abanye ngamakhwenkwe asakhulayo azokuthi ngeny’ imini aye endle, yeyona ngxaki inkulu apha ekuhlaleni,” uthethe watsho.
UNkevu wongezelele ngelithi le meko ibangele uloyiko kubazali kulo lonke elaseGqeberha.
“Kukho inkxalabo yabazali ingakumbi oomama abangenamaqabane omtshato abathumela amakhwenkwe abo kwizikolo zokwaluka.
“Amanye amanina awanawo amadoda kwiintsapho zawo anokunyusa ancedise oonyana babo endle, yingxaki enkulu le ekufuneka iphele,” wongeze watsho.
ISebe lezoRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni (Cogta) neNdlu yeeNkosi zeMveli namaKhoisan zingqinele ezi zehlo zokuqhathwa kwabantu.
USihlalo weNdlu yeeNkosi zeMveli ephondweni, uNkosi Mpumalanga Gwadiso uthe bazakutyelela le ndawo ngoMvulo.
“Lo mba ufumana ingqwalasela yethu emandla kubo bonke abachaphazelekayo ababalulekileyo, kubandakanywa neForam yeMetro Initiation.”
UMphathiswa weCogta uZolile Williams wongeze wathi: “Siza kuqhubeka nokugximfiza amagunya karhulumente kulo naluphi na uhlobo lokuchas’ umthetho, ukuze abantwana bafikelele ebudaleni ngokukhuselekileyo. Jonga esi sithuba.”
IKomiti yoLwaluko yeSithili ye-SAPS eNelson Mandela Bay ithe bawuthathela ingqalelo kakhulu lo mba kwaye intambo yokuxhwila sele isekiwe ukujongana nayo.
