17.2 C
King William's Town
Friday, April 5, 2024

Abarhanelwa abathathu babulawa kudubulwano namapolisa

Kubulawe abarhanelwa abathathu kudubulwano phakathi kwababarhanelwa namapolisa ngaseNgcobo eMpuma Koloni.

Isithethi samapolisa uKapteni Namhla Mdleleni uthi abanye abarhanelwa ababini bonzakele kolu hlaselo lwangoMvulo kwaye omnye ubanjwe emva kokuba amalungu eTactical Response Team efumene ulwazi aza abamba isithuthi esirhanelekayo kwindlela yegrabile.

Uthe xa amapolisa ezama ukumisa isithuthi, abanye abantu abebekhwele kwesisithuthi baye babulale ngembumbulu , kwaye amapolisa aphindezela.

UKapteni Mdleleni uthi abarhanelwa abenzakeleyo banyangwa esibhedlele phantsi kweliso lamapolisa.

Amapolisa athathe imipu emibini engekho mthethweni kunye neembumbulu.

La madoda mathathu, aphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ukuya kumashumi amahlanu anesibini (52) ubudala, azakubekwa izityholo zolwaphulo-mthetho olususela ekubulaleni, ukuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha kwaye kulindeleke ukuba avele enkundleni kungekudala.

Akukho mapolisa enzakeleyo ngethuba lodubulo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
86 %
6.6kmh
91 %
Fri
17 °
Sat
14 °
Sun
17 °
Mon
21 °
Tue
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks