Home Iindaba Abarhanelwa bokubulala eFort Hare babuyele enkundleni ngoLwesibini

Abarhanelwa bokubulala eFort Hare babuyele enkundleni ngoLwesibini

Abarhanelwa abalishumi abachaphazeleka ekubulaweni kwabasebenzi baseYunivesithi iFort Hare bavele enkundleni yaseDikeni NgoLwesibini ebifudula isaziwa ngokuba yiAlice.

Oyena mntu usandul’ ukubanjwa nguMlawuli woPhando kunye neeNkonzo zoHlolo, u-Isaac Plaaitjies oneminyaka engama-59 ubudala.

UMkomishinala kaZwelonke, uNjengele Fannie Masemola, ubesenkundleni namanye amagosa esipolisa kwaye uvakalisa umothuko wakhe ngokubanjwa kukaPlaitjie, obesoloko encedisa kuphando lwamapolisa kwizigebenga.

Ityala elijongene nabalishumi lihlehliselwe umhla weshumi elinesithathu kweyoMnga kujongwe ukuqukunjelwa kwesicelo sebheyile sabamangalelwa abathandathu, kwaye ityala lebheyile liza kuqhuba ukusuka ngomhla wama-27 kuNovemba.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso kule ngingqi uLuxulo Tyali uthi urhulumente uzakuzichasa zonke izicelo zebheyile.

Ukubanjwa kwaba barhanelwa balishumi kulandela ukubulawa komanejala wezithuthi zaseyunivesithi, uPetrus Roets, kunye nonogada weSekela-Ngqonyela, uMboneli Vesele, kwakunye nenzame zokubulala usekela-ngqonyela, uNjingalwazi Sakhele Buhlungu kunye nesekela lakhe. Renuka Vital.

UTyali uthi kutyholwa ukuba emva kokuchongwa kukaNjingalwazi Buhlungu wabhaqa amatyala anobuzaza olawulo olugwenxa, nobuqhophololo ze wavula amatyala olwaphulo-mthetho, waze wabamba iingxoxo zoluleko kwabo batyholwa.

Ngenxa yoko, uthi uBuhulungu waqala ukufumana izigrogriso zokubulawa kwakhokelela ekubeni uVesele atyunjwe njengonogada wakhe.

Ubhubhe sisichotho seembumbulu ngomhla wesithandathu kweyoMqungu kulo nyaka.

Phambi kokubulawa kwakhe, bekukho ezinye izehlo ezibini zokudutyulwa, esesithathu ibe sesokubulawa kukaRoets owadutyulwa emotweni yakhe ngomhla we-19 kuCanzibe kuhola wendlela eGonubie.

Inkundla ikwaphulaphule ngoluhlu lwabantu abangoompondo zihlanjiwe namagama abanye abasebenzi baseyunivesithi abalishumi elinesithathu kwakunye nemali efikelela kwi-5 yezigidi zeerandi ecaleni kwegama likaBuhlungu.

Abane kwabarhanelwa bebengabasebenzi, omnye uSicelo Mbulawa, owayesakuba lilungu leSRC nomboneleli weenkonzo kule yunivesithi, unikwe ibheyile yamawaka angamashumi asixhenxe anesihlanu eerandi (R75 000) kwinkundla ephakamileyo yaseMakhanda.

Igqiza likazwelonke elichongelwe ukuqhuba uphando nguMphathiswa uBheki Cele lithi alinakukhanyela ukuba kubanjwe abanye abantu njengoko uphando lusaqhubeka.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks