20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Abasebenzi bezempilo badaleulibaziseko lweenkonzo kwisibhedlele iDora Nginza

Ukuphazamiseke indlela yokuhanjiswa kweenkonzo kwisibhedlele iDora Nginza eGqeberha ngoLwesine, xa uninzi lwabasebenzi bezempilo beqalise uqhanqalazo ngelikhalazela ukusebenza ixesha elide ze bangahlawulwa.

Ugwayimbo luza kwiveki nje emva kokuba abasebenzi bezempilo kwiSibhedlele iLivingstone beqalise i Go-slow.

Abasebenzi aboneleyo babonakale becula bexhentsa ngaphakathi kwesakhiwo ngelixa benyuka nezikhalazo zabo.

Isango eliyintloko elinikezela ngengeniso kwisibhedlele linyanzeliswa ukuba livaliwe, nto leyo ebangele ukuba i-ambulensi zivalelwe ngaphakathi.

Oku kudale ukulibaziseka kubasebenzi beenkonzo zoncedo olungxamisekileyo ekusabeleni imeko kaxakeka ngexesha elifanelekileyo.

Ekugqibeleni, amapolisa abizelweb kwesi sibhedlele ukubuyisela ucwangco

Iingxelo zidiza ukuba phakathi kwabo bakweletwa imali, kuquka oogqirha nabasebenzi abaqalisa umsebenzi ngoDisemba.

Isithethi seSebe Lezempilo laseMpuma-Kapa, uSizwe Kupelo uthi bayazi ngoluqhankqalazo.

NgokukaKupelo, intlawulo yazo zonke imali ezifanele kukuhlawulwa lisebe, ngumba obekelwe phambili.

Watsho esithi “kungelishwa” ukuba ulawulo lwasesibhedlele lusilele ukungenisa abaxwebhu afanelekileyo kwangethuba kuba ezinye izibhedlele zifake amaxwebhu azo kwiveki ephelileyo.

“Isibongozo sethu kubasebenzi kukuba bayiqonde into yokuba asizibandakanyi ngezenzo zoqhankqalazo, kuba ngokwenza njalo sibeka emngciphekweni ubomi babaguli bethu.

Ulebele ngelithi basebenzela ekunikezelweni kwezinto zokuqinisekisa ukuba iimali zihlawulwa ngexesha lentlawulo elandelayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks