By Esona Magawana
Umkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uFannie Masemola ungqinile ukuba ngelixa abarhanelwa abadubule abantu eSaulsville besagcwele amathafa, abasemagunyeni bayabazi ngoku ukuba ngoobani kwaye ugqogqo lwamadoda amathathu ahlasele indawo yokucima ukoma kwihostele ngentseni yangoMgqibelo luyaqhuba.
Ukuthethe oku kwindibano noonondaba kufutshane nendawo yesiganeko sokudubulana ngoMvulo umhla wesibhozo 08 KweyoMnga 2025.
Umkomishinala uMasemola udize iinkcukacha ezothusayo ezithi omnye wabarhanelwa abachongiweyo ukhululwe kutsha nje ngengqawule. “Umntu oxolelwe ngengqawule uphume entolongweni ngoSeptemba ka-2025. Sisaqinisekisa isigwebo esipheleleyo malunga nezityholo, kodwa kukho iinzame zokubulala nokuphanga. Abasemagunyeni balandela ngokungxamisekileyo abarhanelwa malunga nale ndyikityha yokubulawa kwabantu.” Utshilo.
Uhlaselo olumasikizi lwenzeke kwithaveni yasehostele ngentsimbi yesine kusasa ngoMgqibelo. Amadoda amathathu avulela ngembumbulu kubathengi, nto leyo eyashiya abantu abalishumi elinesibini bebhubhile. Ababhubhileyo baquka abantwana abaneminyaka eyi-3, 12, kunye ne-16 abadutyulwa belele kwigumbi lokulala ngaphakathi kwethaveni.
