Home Iindaba Abatyholwa kwityala lokubulala indyikhityha eLusikisiki, bavele enkundleni ngoMvulo.

Abatyholwa kwityala lokubulala indyikhityha eLusikisiki, bavele enkundleni ngoMvulo.

UMzukisi Ndamase kunye nabo atyholwa nabo bajongene namatyala angamashumi amabini anesithoba, aquka alishumi elinesithoba okubulala anxulumene nokubulawa kwabantu abaninzi, eLusikisiki, eMpuma Koloni.

Umfanekiso: Abatyholwa abasithandathu (6) kwityala lokubulawa kwendyikhityha yabantu eLusikisiki, eMpuma Koloni. Ifoto: Sipha Kema/@X

UMzukisi Ndamase, otyholwa ngokuba ngungqondongqondo kwisiganeko sokudutyulwa kwabantu abalishumi elinesibhozo eLusikisiki (18), uvele enkundleni ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeKhala 2025. Kungoku nje ugqibezela isigwebo sakhe sangaphambili kwiZiko loLuleko eBhongweni eKokstad, uNdamase uthe uzazimela kweli ityala.

UNdamase ungomnye wamadoda amathandathu atyholwa ngokunxulumene nokubulawa okumasikizi okwenzeke kwilali yaseNgobozana, eLusikisiki, ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMsintsi 2024. Eli qela lijongene namatyala angamashumi amabini anethoba (29), aquka alishumi elinesithoba (19) okubulala.

Ukongeza, abatyholwa 2, 4, 5 bayanyaniswa nokubulawa kosopolitiki uMncedi Gijana, owadutyulwa kwaBhaca ngomhla weshumi elinethoba (19) kweyeThupha 2024.

Onke la madoda mathandathu aliphikile ityala. UNdamase uxelele inkundla ukuba amaxwebhu awafumeneyo anamagama acetyiweyo, nto leyo eyenza kube nzima ukuba alungiselele ukuzithethelela.

Ityala liyaqhubeka namhlanje.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks