Home Iindaba ABEMI BANGAPHANDLE ABANGAMA-86 BATHATHWE NGAMAPOLISA AKUGOMPO EMVA KOMSEBENZI WOKUTHOBELA UKUFUDUKA

    ABEMI BANGAPHANDLE ABANGAMA-86 BATHATHWE NGAMAPOLISA AKUGOMPO EMVA KOMSEBENZI WOKUTHOBELA UKUFUDUKA

    I-Eastern Cape Missing Persons & Trafficking Unit, ngokubambisana ne-Immigration – Department of Home Affairs (DHA) kunye ne-KuGompo Public Order Police (SAPS), baqhube umsebenzi wokuthobela imithetho yokufuduka KuGompo City ngoMvulo umhla weshumi(10) kweyeThupha.

    Elu phulo lijolise kwiindawo ezininzi, kuquka iBuffalo Street, iCollege Street, iQuigney kunye neFleet Street, lugxile kubantu abarhanelwa ukuba bakweli lizwe abangenazo iimpepha-mvume ezisemthethweni, iivisa, iipasipoti okanye amanye amaxwebhu okufuduka afunekayo ngokomthetho.

    Abemi bamanye amazwe abangamashumi asibhozo anesithandathu (86) abangenazo iimpepha bathathiwe yinkomzo yesipolisa yaKuGompo ukuze baqinisekiswe kwaye baqhubeke nokuqwalaselwa. Imeko yabo yokufuduka iya kugqitywa ngeenkqubo zomthetho ezifanelekileyo, ngokuhambelana nemithetho yokufuduka yaseMzantsi Afrika.

    Ukanti elu phulo liyinxalenye yemizamo eqhubekayo yabasemagunyeni bokunyanzelisa umthetho kunye nabafuduki yokuqinisa ukuthotyelwa kwemithetho yokufuduka kunye nokujongana nokuba khona kwabantu abangenazo iimpepha mvume kweli lizwe.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks