Abemi baseLibya abangamaShumi alithoba anesihlanu (95)ababanjelwe eMpumalanga bagxothwa ngesikhululo seenqwelomoya saseKruger

Abemi baseLibya abangamaShumi alithoba anesihlanu (95), ababanjwa kwinkampu yomkhosi ekurhaneleka ukuba kufuphi ne-White River eMpumalanga kwinyanga ephelileyo, balifulathele ilizwe bedlula kwisikhululo seenqwelomoya i-Kruger Mpumalanga International.
Banikezelwe kwisebe lezekhaya, kulandela ukurhoxiswa kwamatyala abo liGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) ngoLwesine.

Umphathiswa wesebe lezekhaya uGqirha Leon Schreiber uncome amagosa esebe lakhe ngokuqinisekisa inkqubo yokugxothwa ngaphandle kwamagingxigingxi.
Uthe, unqwenela ukuncoma amagosa eSebe lezeKhaya namanye amagosa ogcino-mthetho. Wongeze ngelithi basebenza ngokuzimisela ukuqinisekisa iinkqubo zenkcitho kunye nokugxothwa. Wongeze baza kuqhubekeka ukusebenzisa zonke izixhobo abanazo ukuqinisekisa ukuba imithetho yezokufudukela eMzantsi Afrika iyahlonitshwa kwaye iyathotyelwa ngamaxesha onke.
Ukubanjwa kwabo kuza emva kokuba isebe lezekhaya liphakamise inkxalabo malunga neqela labemi bamazwe angaphandle abanokuthi bazichaze kakubi xa befaka izicelo zokungena kweli lizwe.

Kutyholwa ngelithi bangene kweli lizwe bezoqeqeshelwa umsebenzi wokhuseleko ukusukela ngoTshazimpuzi
walo nyaka. Nangona kunjalo, amapolisa athi kukhangeleka ngathi eli qela belisenza uqeqesho lomkhosi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA