Namhlanje iNkulumbuso yePhondo laseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ubhengeze Amalungu eSigqeba soLawulo amatsha.
UMabuyane uthi kukho iinguqu kulwakhiwo lukarhulumente kulawulo lwesixhenxe.
IMisebenzi yoLuntu kunye nezokuHlaliswa koLuntu ziya kudityaniswa njengesebe elinye. UMabuyane uthi oku kuza kunciphisa intaphane yokulinda umhlaba ukuze kwakhiwe ezinye izindlu.
Wongeza ngelithi akazukwenza tshintsho kwisigqeba esilawulayo nanjengoko ekholelwa ukuba mkhulu umsebenzi abawenzileyo kulawulo lwangaphambili.
“Ukuba ayimoshakelanga, sizakuyitshintshela ntoni?” – Mabuyane
Amalungu amaninzi esigqeba abuyele kwizikhundla zawo:
Isigqeba sime ngoluhlobo:
1. ISebe lezeMali – Mlungisi Mvoko
2. ISebe lezeMfundo – Fundile Gade
3. ISebe lezeMpilo – Ntandokazi Capa
4. ULawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli – Zolile Williams
5. UPhuhliso loQoqosho, iMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho – Nonkqubela Pieters
6. Imidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko – Sibulele Ngongo
7. UPhuhliso lweNtlalo – Bukiwe Fanta
8. IMisebenzi yoLuntu kunye nokuHlaliswa koLuntu – Siphokazi Lusithi
9. EzoThutho noKhuseleko loLuntu – Xolile Nqatha
10. Ezolimo – Nonceba Kontsiwe
