Livulwe ngokusesikweni izoko lamaxhoba odlwengulo nokubukulwa kwamanina kwisikhululo samaPolisa eLady Frere.
I Back2Basics Foundation ngokungqamene nephulo lokusiphula nengcambu umkhwa wokubukulwa kwamanina, ivuselele iziko lamaxhoba odlwengulo nokuxhatshazwa kwamaNina eLady Frere Police Station.
Eliziko lokuxhasa lamaxhoba, linamagumbi amabini, elinye kuwo lelokuva ubungqina njengokuba elinye
liza kusentyenziswa jenge gumbi lokukhusela amaxhoba kubangcikivi nakuba hlukumezi.
U-Siyasanga Mjenxane, nongumseki we- Back2Basics Foundation uthe “Silenze eliziko lalungelana nezidingo zamaxhoba kanga ngoko sinako. Igumbi lesibini line bhedi ezimbini neshawari. Amaxhoba avumelekile ukuhlala de abaxhaphazi babo babanjwe okanye izizalwane zabo zibathathe. Iziko eli, livulelekile ukuba lisetyenziswe ngamaxhoba oku dlakathiswa kwamanina”.
Impumelelo yokisekwa nokuvulwa kweliziko kuyimiphumela yokubambisana kwale Foundation kunye neziko lesiPolisa.
Bebeliqela abathathi nxaxheba kumlo wokubgcikivo lwamanina ebebe zimase lomsitho, kuquka abamele inkonzo yesiPolisa, isebe lika Social Development, Director of Public Prosecutions, Community Safety, SAPS Specialised Sexual Offences Unit kunye nabamele i-ofisi ka Mayor woMasipala I eMalahleni.
U-Mjenxane uthi, ukuxhatshazawa nokuhlukumezwa kwamanina yingxaki emandla eMzantsi Africa. Inkcukacha manani ezikhutshwe nguMphathiswa wamaPolisa ngo November 2022, zibonisa mhlophe ukuba eli LiZwe lise kude ekoyiseni idabi lohlukumezo lamanina.
