21.9 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Akusindanga nomnye kwisine(4) sabantu abagaxeleke engozini.

Akusindanga nomnye kwisine(4) sabantu abebekhwele kwisithuthi sohlobo lwebhaki, ngethuba ingquzulana nelori ngentsi yanamhlanje.

Ngokwengxelo yesithethi kwiSebe lezothutho ephondweni uUnathi Binqose uthi, umqhubi welori lo usindileyo ubonakalise iimpawu zokubaphantsi kweempembelelo zotywala.

Le ngozi yenzeke kuhola wendlela uN9 eMiddleburg xa usingise eNorpoort malunga nentsimbi yesine 04H00 ngale ntsasa yanamhlanje.

Ibisisithuthi sohlobo lweToyota LDV enabantu abane (3 amadoda 1 owasetyhini) besuka eNorpoort logama iLori inomqhubi kuphela nobesuka kwicala laseMiddleburg.

Kutyholwa ukuba ukuqhuba ngokungakhathali kube ngoyena nobangela wale ngozi nanjengoko umqhubi weloli ebonakalise iimpawu zokusela utywala phofu yena wasinda ephuma engenawo nomkrwelo. Umqhubi ke ubanjwe ngoko nangoko kwaye uphantsi kogcino lwamapolisa.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe eMiddleburg emapoliseni ukuze kuphandwe ngokuqhubekayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
21.9 ° C
21.9 °
21.9 °
37 %
4.9kmh
92 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks