By Inga Mkalali.
UKhanyisa Bunu oyinzalelwana yephondo leMpuma Kapa kwidolophu yaseLady Frere eyazakhele igama njengomqhuli, umdlali weqonga kwakunye nombhali. Usebenze iminyaka esibhozo nje ngomfundisi-ntsapho ehlohla izifundo zeGeography kwakunye nesiNgesi phambi kokuba alahle phantsi intambo elandele isiphiwo sakhe sokuqhula.
Esi sakhono sakhe sokuqhula waye wasibonakalisa okokuqala kwinkqubo yokhuphiswano eyayikhangela amaqhula kuSABC-1 eyayisithi SO YOU THINK YOU’RE FUNNY. Emva kwale nkqubo ingcango ezininzi ziye zavuleka ebomini bakhe nangona engazange aphumelele kwabe kanti sisiqalo sendlela yokuba ngusomaqhula ophuma izandla wade wabe uyawongwa nje ngosomaqhula wokuqala obhinqileyo ukufumana iwonga okanye imbasa yokubangoyena ubalaseleyo nothandwa kakhulu ngabantu kukhuphiswano iSavanna Comics Awards kunyaka ka2015.
“INtsusa yolu khenketho kukufuna ukwabelana nabalandeli bam ngohambo lwam ukusukela ekubeni ngumfundisi-ntsapho de ndibe nokuveza isakhono sam sokuqhula ndide ndibe ke ndiyaphila ngokuqhula. Eyona njongo inkulu yokonwabisa kwanokufundisa. Loo nto ithi ndiyakwazi ukuzidibanisa zombini ke ngoku ezi zinto. Kwaye ndiyafuna nokumkhuthaza umntu ofunda eli nqaku ukuba angoyiki ukulandela amaphupha akhe.
“Okwangoku ndisaqala eBloemfontein Civic Theatre nge30th kuCanzibe, eEmperors’ Palace eRhawutini 14th kweyeSilimela, 29th kweyeThupha eThe One Room eGqeberha, 30th kweyeThupha eThe Legends Showcase eMonti. Ziseninzi nezinye iidolophu endizigxeleshileyo ezibandakanya iKapa, iKapa, iMthatha njalo njalo”
Lo kaBunu sele eqalile ukubonakala kwakhona kumabonakude kumdlalo iSCANDAL ku- eTV nalapho alinganisa khona indawo kaDambisa onguMama kaMthunzi Mayiza owayefudula esebenza njengomncedisi kusapho lakwaLanga abantu, mabasoloko bethe gqolo ukubukela.
“Ndiziva ndonwabile kakhulu ngokuba kuScandal, awupheleli nje ekuphangeleni koko ufumana nethuba lokufunda izinto ezininzi kuba bangabantu abakukhuthazayo ukugqibelela xa ubonisa isakhona sakho. Ngako oko uthanda ungathandi uyafunda kwaye uyakhula. Abantu mabalindele ukuba zisezakutaka iintlantsi” uwaqwele watsho uKhanyisa.
