Emva kokubetha iiAll Blacks ngoMgibelo iiPumas zaseArgentina zinyukele kwindawo yesithandathu kuluhlu lwehlabathi.
Emva kwemidlalo yeRugby Championships kwimpelaveki esiphuma kuyo kubekho utshintsho kuluhlu lamaqela ombhoxo ehlabathi kodwa nangona kunjalo iqela loMzantsi izitsibabhokhwe akukho tshintsho kubo emva kokubetha iiWallabies ngamanqaku angamashumi amathathu anesithathu kwisixhenxe (33-7) eBrisbane ngoMgqibelo umhla weshumi (10) kule imiyo inyanga.
Omabini (2) amaqela ombhoxo Amabhokobhoko neePumas zaseArgentina abhalise impumelelo kulempelaveki siphuma kuyo zona iiPumas zibethe iiAll Blacks ngamanqaku angamashumi amathathu anesibhozo kumashumi amathathu (38-30) eWellington.
IPumas zifumene amanqaku anane (4) ngempumelelo yazo kwiNew Zealand kanti zona izitsibabhokhwe zafumana amanqaku amahlanu (5) ngempumelelo yazo kwiiWallabies ukuquka namanqaku ebhasela. I-Argentina yona inyukile yayokuhlala kwindawo yesithandathu (6) kuluhlu lamaqela ehlabathi kumbhoxo idlula kwiqela leScotland.
IiWallabies neeAll Blacks zona azicholanga naphantsi emanqakwini kwiRugby Championships ngoMgqibelo. Nangona kunjalo iiAll Blacks zisahleli kwindawo yesithathu (3) kuluhlu lehlabathi.
Kulempelaveki siya kuyo iNew Zealand izakuhlinzeka iqela leArgentina eAuckland ngemizuzu emihlanu emva kwentsimbi yethoba (09h05) kusasa ngokwexesha loMzantsi Afrika ngoMgqibelo umhla weshumi elinesixhenxe (17) kule yeThupha inyanga 2024.
IiWallabies zona zamkela iiBoks kwangoMgqibelo njalo ePerth ngomkhono phambi kwentsimbi yeshumi elinesibini (11h45) ngokwexesha loMzantsi Afrika.
Nalu uluhlu lamaqela ombhoxo kwihlabathi, ekuqaleni ngaMabhokobhoko, kwindawo yesibini yiIreland, kweyesithathu yiNew Zealand, kweyesine yiFrance, kwindawo yesihlanu yiEngland, kweyesithandathu yiArgentina, kulandele iScotland kwindawo yesixhenxe, ibe yiItaly kwindawo yesibhozo.
Kweyethoba indawo ibe yiAustralia, kulandele iFiji kwindawo yeshumi, kuhleli iWales kwindawo yeshumi elinanye, iGeorgia ibe kwindawo yeshumi elinesibini, yona iSamoa ibe kwindawo yeshumi elinesithathu ibe yiJapan.
Kwindawo yeshumi elinesine iPortugal ibe kwindawo yeshumi elinesihlanu iTonga yona ibe kwindawo yeshumi elinesithandathu iUruguay kwindawo yeshumi elinesixhenxe kulandele iSpain ehleli yona kweyeshumi elinesibhozo indawo, iUSA ikwindawo yeshumi elinethoba kulandele iRomania isemsileni kwindawo yamashumi amabini yona.
By Siphiwo Boqwana