Sisube imiphefumlo emithandathu isiganeko sokudutyulwa kwabantu eMpuma Kapa ngobusuku bangeCawe.
Esi sehlo sokudubula senzeke ngeCawe, kwisitalato iKani, eVeeplaas eGqeberha.
Amapolisa athi asabela kwiingxelo zesiganeko sokudubula emva kwentsimbi yeshumi ebusuku.
“Ekufikeni kwamapolisa kwindlu ethile, afumene izidumbu zamadoda amathandathu, aphakathi kwamashumi amabini ananye namashumi amabini anesixhenxe ubudala,” sitshilo isithethi samapolisa eMpuma Kapa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa.
Amapolisa athi inkosikazi eneminyaka engamashumi amabini ananye ubudala ifunyenwe yenzakele kwindawo yexhwayelo yaze yasiwa esibhedlele ukuze ifumane unyango.
“Ulwazi lubonisa ukuba bebesendlini ngethuba behlaselwa ngabarhanelwa abangaziwayo bexhobile babadubula. Isizathu sokudutyulwa kwabo asikacaci okwangoku kwaye bazakuba yinxalenye yophando.
Kwavulwa amatyala amathandathu okubulala kunye nelinye lokuzama ukubulala ukuze kuphandwe.
Amapolisa athi abecuphi abanamava beqela leProvincial Serious and Violent Crime Investigation baqalise ukukhangela abarhanelwa.
Emva kwemini ngoMvulo bekungekabanjwa mntu.
“Izazisi zabangasekhoyo azinakukhutshwa de kube kugqitywe ngeenkcukacha zabantu abaswelekileyo.”
