By Asemahle Kitchen.
Amagosa abecuphi aphakathi kwe-Sithili i-Nelson Mandela Bay enze ugqogqo lwabarhanelwa kwaye abamba ngempumelelo abarhanelwa abangamashumi amane anesine ngokuhlwa womhla wethoba kuTshazimpuzi nangentsasa yomhla weshumi kuTshazimpuzi 2025 kwimetro iyonke.
Oku kusebenza bekubandakanya amagosa abacuphi abasuka kwizitishi ezilishumi elinesixhenxe (17) nakwiyunithi ezikhethekileyo. Oku kulandelwa komkhondo wabarhanelwa abafunwayo nabaziwayo luqale ngentsimbi yethoba (21:00) ngokuhlwa ngomhla wethoba (09) kuTshazimpuzi 2025 de kwayintsimbi yesihlanu kusasa ngomhla weshumi (10) kuTshazimpuzi 2025. Eyona ngqwalasela iphambili yalomsebenzi ibikukhangela nokubanjwa kwabarhanelwa abafunelwa amatyala olwaphulo-mthetho anobundlobongela.
Oku kubanjwa kubandakanya abarhanelwa abafunelwa ukuhlasela ngenjongo zokwenzakalisa, ukuba neziyobisi, ukuphanga, ukuqhekeza, ukuba nezinto ezibiweyo, ukuhlumeza, ukuba, ukuba iimoto nolunye ulwaphulo-mthetho.
Bonke aba barhanelwa ababanjiweyo bazovela ezinkundleni zamatyala kungekudala.
Umkomishinala wesithili sase-Nelson Mandela Bay, uMajor General Vuyisile Ncata, uhlomle ngokuzibophelela nokuzimisela kwamagosa abacuphi akule metro.
“IMpumelelo yophando lwethu ixhomekeke ekubanjweni nasetshutshisweni oluyimpumelelo lwabenzi bobubi. Lo msebenzi uzoqhubeka de iinjongo zethu zokuqinisekisa ukuba abophuli-mthetho baziswa phambi kwenkundla ziphunyezwe,’’ wongeze ngelitshoyo uMajor General Ncata.
