Amanina ebhola ekhatywayo ayaqhuba nemidlalo kwabangahlawulwayo.
Amaqela ebhola ekhatywayo yamagqiyazana afana neKuyasa, iBay Stars, iExecutive, EC Peace Lovers neAyakha Stars ziphumelele imidlalo yazo ngokuncumisayo, ingakumbi iGolden Ladies eyenze isibhaxu kwinto onoyibiza njengomgalelo wamanqaku.
Lemidlalo ibidlalelwa phantsi kweSasol Ladies League kumagqiyazana angahlawulwayo kwicala leCoastal. IBay Stars izibethele iiValcano ngamanqaku amane kwelinye (4-1).
IGolden Ladies yona yangcwaba iRhodes University ngeshumi lamanqaku kwiqanda imbande yesikhova (10-0), ngethuba kwelinye icala iMadibaz iphumelela ngenqaku kwiqanda (1-0) idlala neNew Galaxy.
Kwicala le-Inland, amanina eCoastal FC abethwe yiExecutive ngamanqaku amane eqandeni (4-0), iEastern Rangers yona yabethwa yiEC Peace Lovers ngamanqaku amathathu kwelinye (3-0) yaze iAyakha Stars yazibethela iRed Roses ngamanqaku amathathu eqandeni (3-0).
By Siphiwo Boqwana.
