Amakhulu-khulu abantu afudukele kumhlaba okufuphi kwaNobuhle eKariega, eqweqwedisa iziza zezindlu.
Bathi lo mhlaba ubufudula usetyenziselwa ukulima imifuno, ulahliwe ngumasipala waseNelson Mandela Bay kwaye sele “iyindawo yolwaphulo mthetho” ngokudlwengula, ukubulala nokulahlwa kwezithuthi ezibiwe.
Umsebenzi waqala ngoMgqibelo kusasa, kwaye waqhubeka ngoMvulo nangoLwesibini. Abahlali, abanye babo sele bebadala, bagawula umhlaba, batshisa ukhula kwaye baphawule iziza ngemicu yeplastiki kunye namaplanga. Bathi bazakwakha amatyotyombe bahlale neentsapho zabo.
UXolani Booi uthe lo mhlaba ugquba ulwaphulo-mthetho. Uthi kufunyenwe umzimba wendoda sele ubanda kule ndawo kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. “Ukuba bekukho abantu abahlala apha, ngekungekho mphefumlo ulahlekileyo.”
Okwangoku uBooi kunye nosapho lwakhe bahlala kwityotyombe lomnye umntu e-Area 11 yamatyotyombe, malunga neemitha ezingama-500 ukusuka apho. U-Area 11 ebehleli ngo-2018 kwaye iinzame zokugxotha abahlali ziye zanqunyanyiswa ngowayesakuba ngusodolophu uMongameli Bobani. Abahlali bathi le ndawo yiBobani Village kodwa ngoku ibizwa ngokuba yi-Area 11.
UPhakamisa Zinto uthe uphawula izithuba zabantwana bakhe. “Ndithe ndakuva abantu besika iziza ngoMgqibelo ndathi uThixo ubasikelele ekugqibeleni abantwana bam,” utshilo uZinto ohlala naye kwindlu yeRDP nabantwana bakhe abadala. Uthe uzakubanceda abantwana bakhe ngezinto zokwakha amatyotyombe abo.
UThando Tshandu kunye nomhlobo wakhe uMzwabantu Loro babesomba ukhula.
UTshandu uthe wayehlala kwityotyombe elingasemva kwendlu nomama wakhe nomakazi nabantwana bakhe. “Akukho mfihlo, kuba sibasixhenxe apha eyadini. Abantwana bam baneminyaka esixhenxe neli-12. Sifuna indawo.”
“Lo mhlaba ungasetyenziselwa uphuhliso endaweni yokuwushiya usetyenziswe ngabaphuli mthetho.”
ULoro uthe abantu abahamba ngeenyawo ukuya emsebenzini kwimizi-mveliso ekufutshane badla ngokukhuthuzwa. “Siza kuyiphelisa loo nto ngokuhlala apha,” utshilo.
Nangona kunjalo, ilungu leNelson Mandela Bay Mayco kuHlaliso loLuntu uThembinkosi Mafana uthi lo msebenzi uzakuyekiswa.
“Kwiintsuku ezimbini ezidlulileyo, ndacela amapolisa kamasipala ukuba awasuse la mazabala. La ngamaxesha apho abantu bacinga ukuba siza kuvelana nabo phambi konyulo. Siza kubeka njani iinkonzo kumhlaba othathwe ngokungekho mthethweni?
Isithethi salo masipala uMamela Ndamase uthe ngoLwesibini lo mhlaba ubungumhlaba owawufudula usetyenziselwa ukulima. Uthe iSixeko siza kuzisusa izikhonkwane.