Amalungu weManyano yeSizwe yabasebenzi besinyithi yaseMzantsi Afrika (Numsa) kwiMenzies Aviation akuqhankqalazo kwilizwe lonke.
Abasebenzi beenkampani kwizikhululo zeenqwelomoya eMzantsi Afrika bathi abaphathi bala ukuqesha abasebenzi bethutyana. USosiba weNumsa eMpuma Koloni uMziyanda Twani uthi bazimisele ukufumana okubafaneleyo.
UTwani uthi xa bekwikhefu lokugula, bahlawulwa kuba behlawulelwa iiyure ebekumele ukuba bebesemsebenzini ngaphandle kwezo bebekwikhefu lokugula. Ngoko ke uSosiba uthi lomceli mngeni ubachaphazela ngokwezoqoqosho – esithi umvuzo wabo wokugoduka nawo uyachaphazeleka.
Ukanti uSosiba uTwani uthe Uqhankqalazo luzakuqhuba okokoko de abaphathi banikezele kwinto efunwa ngabasebenzi, esithi luqhankqalazo oluqhubekayo de abaphathi banikezele kwinto abayicelayo ngokufanelekileyo.
