Amalungu oMkhonto weSizwe (MK) Party abhaliswe kwinkqubo yePalamente phambi kokufungiswa kamva namhlanje.
Amalungu angamashumi amahlanu anesibhozo (58) anyuliweyo awakhange abekho xa iPalamente yayisindleka umsitho wokufungiswa kwawo onke amalungu ePalamente anyuliweyo kwiveki nje edlulileyo.
Kulindeleke ukuba ifungiswe iJaji yeNkundla ePhakamileyo yeNtshona Koloni, uJohn Hlophe.
Umbutho weMK Party uvakalise ukuba uHlophe uzakuba nguMbhexeshi oyiNtloko kunye nenkokeli yasePalamente. Ilungu le-African National Congress (ANC), uZizi Kodwa otyholwa ngobuqhophololo ebekhona naye. Bekulindeleke ukuba afungiswe naye.
By Anita Qubula