Home Iindaba Amalungu ombutho wabasebenzi e-SAMWU angenele ugwayimbo lokuhanjiswa kweenkonzo kumasipala ombaxa waseBuffalo City.

    Amalungu ombutho wabasebenzi e-SAMWU angenele ugwayimbo lokuhanjiswa kweenkonzo kumasipala ombaxa waseBuffalo City.

    UMbutho wabaSebenzi bakaMasipala i-South African Municipal Workers’ Union (SAMWU) eMpuma Kapa ubambe umngcelele usiya kumasipala ombaxa iBuffalo City ngoLwesibini malunga nemiba echaphazela amalungu awo kwakunye nesixeko.

    By Buhle Nomgalasa.

    UMbutho wabaSebenzi bakaMasipala i-South African Municipal Workers’ Union (SAMWU) eMpuma Kapa ubambe umngcelele usiya kumasipala ombaxa iBuffalo City ngoLwesibini malunga nemiba echaphazela amalungu awo kwakunye nesixeko.

    Lo mngcelele ujolise ekuqaqambiseni izityholo zokuphatha kakubi imali, urhwaphilizo kumasipala ombaxa, ukunyhashwa kweemanyano zabasebenzi kunye nokunyhashwa kwamalungelo abasebenzi phakathi kwezinye izinto.

    Lo mbutho uthi le miba kudala ithwaxa lo masipala, ichaphazela kakubi ukuhanjiswa kweenkonzo kuluntu lwase-Buffalo City.

    “Ithambo lengxabano apha kuhlaselo lwesivumelwano esidityanelweyo, ngakumbi amacandelo 84-1A kunye nama-85 obudlelwane babasebenzi, athetha ngothethwano ekufuneka lwenzeke phakathi kwabaphathi nabasebenzi, into engenzekiyo eBuffalo City. Baphinde beza namabali okuba abanamali, bechaza ukuba umasipala uphantsi kwesicwangciso sokubuyisela imali,” utshilo uNobhala wePhondo weSAMWU, uAsamza Ntaka.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks