By Asipile Kitchen.
Amapolisa aseMotherwell kunye neyunithi yobuNdlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana kunye nolwaphulo-mthetho eGqeberha abambe owasetyhin elineminyaka engama-35 ubudala ngenxa yokuzama ukubulala nokuhlukumeza umntwana omncinci ubudala ngoLwesine, eMotherwell.
Kutyholwa ngelithi ngalo mhla uchazwe apha ngentla malunga nemizuzu engamashumi amathathu emveni kwentsimbi yesithandathu (18:30), amapolisa aseMotherwell asabele isikhalazo kwindawo yaseShukushukuma, eMotherwell. Ekufikeni kwabo axelelwa lingqina ukuba ngelixa edlula kwindlu ethi uqaphele umrhanelwa olibhinqa (35) ehlasela umntwana oneminyaka emithathu (03) ngebhotile engenanto.
Ingqina langena kulendlu ukuze lingenelele kwaye lakwazi ukunqanda umrhanelwa kwaye labiza amapolisa. Umntwana wasiwa esibhedlele lusapho kwaye ebenomonzakalo obonakalayo entloko nasebusweni.
Lo mrhanelwa ulibhinqa ubanjelwe ukuba netyala lokuzama ukubulala nokuhlukumeza umntwana. Uzovela enkundleni yamatyala yaseMotherwell ngoMvulo umhla wethoba (09) kweyeSilimela 2025.
