Home Iindaba Amapolisa afumene impahla ebiweyo kunye nesithuthi sohlobo lwakaVW-Polo.

Amapolisa afumene impahla ebiweyo kunye nesithuthi sohlobo lwakaVW-Polo.

Unqevu waseNgqeleni uleli ebaliwe ngoLwesithathu emveni kokufunyanwa nempahla ebiweyo ngamapolisa ngethuba esenza umsebenzi wawo.

Amalungu eTactical Response Team kwisithili saseOR Tambo abambe umrhanelwa omnye emva kokufumana ulwazi malunga nokuphanga kuxhotyiwe obekusenzeka eLibode. Umrhanelwa ubanjwe kwikhaya lakhe kwaHluleka, eNtlaza A/A-Ngqeleni, ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesithandathu(26) kweyeNkanga ngo2024.

 

Ngethuba kugqogqwa kulendlu kufunyenwe lwendlu kufunyenwe iibhokisi zamacuba ngoluhlobo (24 × 20’s Caesar, 16 x B Boss, 10×25 g Boxer, 6x 20’s Marlboro, 5x 20’s Chief, Dunhill , Sahawiland, Georges etc).

Emva kolwazi olutsha, amapolisa aqhubela kwenye indlu apho kuye kwafunyanwa impahla ekurhaneleka ukuba ibiwe, iifestile zeAluminium, iingcango zeplanga, kunye nempahla yokwakha eqikelelwa kwi-R50 000. Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala wabanjwa emva kokusilela ukunika usiqinisekiso sokuba ithengiwe le mpahla kurhaneleka ukuba ibiwe, yaye kungekho ngcaciso yanelisayo yendlela awayifumana ngayo le mpahla.

Umrhanelwa ubanjwe wagcinwa kwisikhululo samapolisa eNgqeleni ngezityholo zokugcina izinto ekurhanelwa ukuba zebiwe kwaye uvelile kwinkundla kamantyi eNgqeleni namhlanje.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks