Home Iindaba Amapolisa afuna indoda yezwe langaphandle exhilwe ngexesha lokuphangwa.

Amapolisa afuna indoda yezwe langaphandle exhilwe ngexesha lokuphangwa.

Ibutho lephondo elijongene nolwaphulo mthetho eGqeberha licela uncedo kuluntu ekukhangeleni ummi wangaphandle oneminyaka engamashumi amabini ubudala owaxhwilwa ngoMgqibelo wethoba (09) weNkanga 2024 ngokuhlwa, eGelvandale.

Ibutho lephondo elijongene nolwaphulo mthetho eGqeberha licela uncedo kuluntu ekukhangeleni ummi wangaphandle oneminyaka engamashumi amabini ubudala owaxhwilwa ngoMgqibelo wethoba (09) weNkanga 2024 ngokuhlwa, eGelvandale.

Ngokweenkcukacha, kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesixhenxe (19:00) ngokuhlwa, ummangali kunye nomhlobo wakhe bebeqhuba i-VW Tiquan kwiikona zeSitalato i-Aubrey kunye neKobus Road.

Bamiswa ngabarhanelwa ngaphambili babanyanzela ukuba bamise, enye imoto abangayaziyo yabavimba ngasemva. Abarhanelwa ababini abangaziwayo baye basondela kwesisithuthi bekhombe imipu ngaphambili ukuya kumacango omabini. Baye bakhutshwa ngenkani emotweni, kwaye abarhanelwa bafuna kwaye bathatha imali kunye neeselfowuni zabo.

Emva koko, banyanzela umqhubi ukuba angene kwinqwelo-mafutha eyayimi ngasemva, baza bahamba bemshiya ngasemva lowo wayekhwele naye.

Esi siganeko saxelwa kwaSAPS Gelvandale, kwaye iVW Tiquan yabanjwa ukuze kuphandwe. Ixhoba elathathwa ngethuba kuphangwa ngumfundi oneminyaka engamashumi amabini welizwe langaphandle.

Oyena nobangela awaziwa, kwaye ixhoba alikakaziwa. Akukho mabango afunwayo, kwaye iyunithi ejongene noLwaphulo-mthetho eGqeberha kwiPhondo laseGqeberha ixakekile kuphando.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks