By Asipile Kitchen.
Abacuphi be-SAPS kwaDwesi bafuna uncedo kuluntu emva kokuba kuxelwe isiganeko sokudubulana ngentsasa yangomhla wamashumi amabini anesibini (22) kuTshazimpuzi 2025, okuthe kwakhokelela ekudutyulweni kwendoda eneminyaka engamashumi amane (40) ubudala.
Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi ye-12:00, umfi uPeter Baatjies ebehamba kuhola wendlela uR75 osingise ngakwaDwesi. Ngelixa ehamba kuhola wendlela uR75, kwahamba imoto ecaleni kwakhe yaza yamdubula izihlandlo eziliqela. Kwisiphambuka sika-R75 kunye nendlela i-Chelsea umqhubi uye wangqubana nelori emileyo. Umqhubi wasweleka kwangoko.
Injongo nabarhanelwa abaziwa, uphando lusaqhubeka.
Amapolisa abongoza nabani na ononceda ngolwazi ukuba aqhagamshelane noKapteni Luvuyo Nyati ku- 071 362 8707 okanye u-Crime Stop ku- 08600 10111 okanye isikhululo samapolisa akufutshane kuye. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo bahlala bengaziwa.
