Amapolisa aseGqeberha azama ukukhangela izalamane kwakunye nabantu abathathu abathe babhubha kwiziganeko ezahlukeneyo ngempelaveki.
Kwisehlo sokuqala, ngomhla wamashumi amabini kaCanzibe malunga nentsimbi yesine kusasa, amapolisa ajongana nesikhalazo sokudubulana kwisitalato iJavu kwaZakele. Ekufikeni kwabo, bafumene umzimba wendoda engaziwayo ulele esitratweni. Ubenenxeba lokudutyulwa entloko. Iimeko ezijikeleze esi sehlo ziphantsi kophando. Umfi akaziwa okwangoku.
Amapolisa aphanda ityala lokubulala. Nabani na onokunceda ekuchongeni indoda ebhubhileyo okanye onolwazi ngesizalwane sakhe, uyacelwa ukuba aqhagamshelane noSAPS Kwazakele, uD/Capt Kulile Ntuli ku-071 352 4604 okanye nesikhululo samapolisa esikufutshane.
Kwakhona, ngomhla wamashumi amabini kuCanzibe malunga nentsimbi yesihlanu ngokuhlwa umalusi wayehamba kwindawo enehlathi ecaleni kwendlela yeenyawo emva kwa-Eskom, ecaleni kocingo lwase-Uitenhage Airfield xa wadibana nomzimba wendoda esele ikhulile. Umfi wayenganxibanga zihlangu. Wayenxibe ibhatyi engwevu , blukhwe emnyama kunye ne-navy silky track pants ngaphantsi kwe track pant emnyama. Wayenenxeba elincinane entloko. Kwakukho intonga yemitha ezimbini ezinyaweni zakhe. Umzimba ufunyenwe kwii khilomitha ezintlanu ukusuka kwindawo yase-Kruisrivier kwaye encotsheni yentaba. Le ndawo ikwakufuphi nendawo yokuhlala yakwanobuhle.
Okwangoku akurhanelwa ukudlala intlonti kwaye amapolisa avule idokethi lophando. Nabani na onokunceda ekuchongeni indoda ebhubhileyo okanye omaziyo ngesalamane sakhe, uyacelwa ukuba aqhagamshelane neSAPS Uitenhage, D/W/O Deon Roos kwa-079 896 8148 okanye nesikhululo samapolisa esikufutshane.
Malunga nentsimbi yesithathu ngale ntsasa, yamashumi amabini ananye kuCanzibe, iSAPS Walmer iphendule kwisikhalazo sokubulala kwisitalato iMajola kwindawo yaseWalmer. Ekufikeni kwayo, umzimba wendoda engaziwayo ufunyenwe ulele ngesisu. Umalunga namashumi amathathu eminyaka ubudala. Ebenxibe blukhwe emnyama, ifleece jacket ebrown, nomnqazi eNavy blue kunye ne takkie engwevu namhlophe. Wafumana amanxeba amaninzi okudutyulwa.
Amapolisa aphanda ityala lokubulala kwaye acela nabani na onokuthi akwazi ukuchonga umfi okanye omaziyo ngesizalwane sakhe, ukuba atsalele i-SAPS Walmer D/Sgt Lindile Mlaza ku-082 075 7186 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.
Imibuzo: Col Priscilla Naidu
071 362 8726
