Home Iindaba Amapolisa alumkisa ngokuhlala kubudlelwane obukrakra

Amapolisa alumkisa ngokuhlala kubudlelwane obukrakra

Amapolisa aseMpuma koloni athi ziyaxhalabisa iziganeko zokubulawa kwabantu ngabo bancuma nabo okanye ababefudula behlekisana nabo.

Othethela amapolisa eMpuna koloni uLt Colonel Siphokazi Mawisa uthi umceli-mngeni abajongana nawo beyinkonzo yesipolisa kukuba ngethuba befika kumakhaya amaxhoba bafika iintsapho zingenalwazi ngokuxhatshazwa kwalamanina ngabantu abancuma nabo kungenjalo ababefudula bethandana nabo.

ULt Colonel Mawisa ubethetha nejelo leendaba SABC izolo. “Abantu mabangahlali kubudlelwane abaxhatshazwa kubo. Mabaxelele amapolisa okanye baphume kwangoko. Mabachazele amapolisa ukuba bayaxhatshazwa, batsho ukuba xa kungenzeka into umntu wokuqala omakakrokrelwe ngubani. Lonto izonceda ukulandela umkhondo ngexesha lophando, ” Kutsho uLt Col Mawisa.

Amapolisa ebephefumla ngesiganeko sokuxhwilwa ,kubulawe kutshiswe uKungawo Nyhweba oneminyaka elishumi elinethoba (19) ubudala ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibini (12) kweyeKhala ekhayeni lakhe eGolf course eDikeni kweliphondo.

Umzimba wakhe ufunyenwe utshisiwe kwindawo yaseEbakhwetheni, Joza eRhini ngoLwesithathu waleveki.

ULt Colonel Mawisa uthi abantu mabafake isicelo sokukhuselwa ngumthetho(Protection order) kungenjalo bavule ityala kwisikhululo samapolisa.

Sele kubanjwe abarhanelwa abathathu ngesisiganeko abaquka utitshala obefudula encuma noKungawo, isinqandamathe sakhe kunye nentombi yomncedisi esikolweni.

Ukanti yena umncedisi esikolweni obekwa ngumhlobo walotitshala ufunyenwe ezixhomile eIndwe emva koncedo lwamapolisa alammandla.

Abarhanelwa kulindeleke bavele enkundleni yamatyala eDikeni ngoMvulo weveki ezayo.

 

Ongeziwe Ntondini

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks