Amapolisa aphanda amatyala amabini okubulala nokuzama ukubulala kulandela izidumbu ezibini ezifunyenwe kusasa ngentsimbi yesixhenxe, eQuigney, eMonti.

Lukhwankqisekile lubambe ongezantsi uluntu lwaseQuigney eMonti, emva kwesiganeko sokudutyulwa kubulawe abantu ababini ngentseni yanamhlanje.

Ngokwengxelo yenkonzo yesipolisa eMpuma Koloni, ichaza ukuba kuvulwe amatyala amabini okubulala nokuzama ukubulala kulandela izidumbu ezimbini (2) nezifunyenwe kusasa ngentsimbi yesixhenxe eQuigney eMonti.

Amapolisa afike agilana nezidumbu kwisitulo esingaphambili emotweni kwaye benamanxeba okudutyulwa.

Ukanti elinye ixhoba lidutyulwe lisengaphakathi kwigumbi lendawo yokulala ebhatalwayo (Lodge) ngethamsanqa wasinda ekufeni ze wasiwa esibhedlele ukuze afumane unyango.

Akukho mrhanelwa ubanjiweyo okwangoku kwaye iimeko ezingqonge isiganeko ziyinxalenye yophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA