Home Iindaba Amapolisa aphanda ngokusweleka kwabantu abatye ukutya ekukholelwa ukuba kunetyhefu eRhawutini.

Amapolisa aphanda ngokusweleka kwabantu abatye ukutya ekukholelwa ukuba kunetyhefu eRhawutini.

Amapolisa aqalise uphando ngesiganeko sokubhubha kwabafundi abane (4) baseRhawutini emva kokutya ukutya ekurhaneleka ukuba kunetyhefu.

Anita Qubula

Amapolisa aqalise uphando ngesiganeko sokubhubha kwabafundi abane (4) baseRhawutini emva kokutya ukutya ekurhaneleka ukuba kunetyhefu.

ISebe lezemfundo eRhawutini lithi aba bafundi babhubhele eSoweto, ngeCawe.

Lithi abathathu basuka kwisikolo samabanga aphantsi iKarabo kunye nomnye kwisikolo samabanga aphantsi iKhauhelo kula ngingqi.

Enye inkwenkwe yebanga lokuqala isesibhedlele kwigumbi labagula kakhulu. Kwesinye isiganeko, kubhubhe inkwenkwana eneminyaka esibhozo ubudala yesikolo samabanga aphantsi iKhauhelo emva kokutya amashwamshwam awayewathenge esirhoxweni, eNaledi.

Isithethi seli Sebe uSteve Mabone uthe, kungoku nje amapolisa aphanda iimeko ezijikeleze ezi ziganeko zibuhlungu. Isebe, likunye nezikolo ezichaphazelekayo, sele linikele ngenkxaso eyimfuneko yakho yengqondo kunye nokuqinisekisa ukuba kukho iingcebiso eziyimfuneko ezibonelelwa esikolweni nakwiintsapho.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks