Home Iindaba AMAPOLISA APHANDA UKUBULAWA KOMNINI- TEKSI eMQANDULI

    AMAPOLISA APHANDA UKUBULAWA KOMNINI- TEKSI eMQANDULI

     

    Amapolisa aphume iphulo lokukhangela abarhanelwa ababini abadubule babulala umnini weteksi kwikhaya lakhe eMqanduli phezolo.

    Kutyholwa ukuba ngoLwesine, umhla we-24 kweyeDwarha malunga nentsimbi yeSibhozo (19:50), amadoda amabini ebexhobile adube izihlandlo ezininzi ngefestile, abetha umnini weteksi obeneminyaka angamaShumi asixhenxe (70). Kwakhona kuthiwa abarhanelwa babini emva koko bangene ngenkani endlwini baphinda badubula izihlandlo ezininzi. Ixhoba lichazwe njengelibhubhileyo kwindawo yexhwayelo.

    Amapolisa acela nabani na onokuba nolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba atsalele igqiza eliphandayo ku-071 671 7780. Olu lwazi lungafumaneka naku-Crime Stop ku-08600 10111.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks