Home Iindaba Amapolisa ase-Mdantsane afuna ulwazi ukusombulula ityala lokubulala.

Amapolisa ase-Mdantsane afuna ulwazi ukusombulula ityala lokubulala.

SAPS icela uluntu ukuba luze ngaphambili nalo naluphi na ulwazi olungakhokelela ekubanjweni komrhanelwa eMdantsane.

By Esona Magawana.

SAPS icela uluntu ukuba luze ngaphambili nalo naluphi na ulwazi olungakhokelela ekubanjweni komrhanelwa eMdantsane.

Oku kulandela emva kokuba indoda eneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) ubudala ekutyholwa ukuba ingumphathi weteksi idutyulwe yabulawa kwaNU9 eMdantsane, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu (13) kweyoMsintsi 2025.

Ngokwengxelo, umntu owayehleli kwindlu kamfi umxelele ngomrhanelwa oweba ubhedu kwindlu yakhe eNU 9, eMdantsane. Umfi ufike emzini wakhe waya kuphanda ngemibuzo kumrhanelwa, waphika umrhanelwa waze umfi wazama ukumsa kwisikhululo samapolisa. Umrhanelwa emva koko woxutha umpu kwixhoba obusesinqeni sakhe wamdubula kumzimba ongasentla.

Emva koko baleqana, umfi wangquba umrhanelwa ngesithuthi sakhe, wawa phantsi kodwa waphakama ngeenyawo wabaleka ngendlela yeenyawo. Uthe akufika umhlali ecaleni kwemoto yobhubhileyo, wamfumana elele kwivili lokuqhuba, emcela ukuba atsalele umnxeba inqwelo yezigulana. Wazama ukufumana isithuthi esimsa esibhedlele, kodwa xa isithuthi sifika, bamfumana elele phantsi kwaye sele ebhubhile.

Ityala lokubulala livuliwe kwaye uphando luyaqhuba.

Amapolisa acela uluntu ukuba luncede ngolwazi malunga nomrhanelwa obandakanyekayo kwityala lokubulala kwaye angatsalela inombolo ye-SAPS Crime Stop 08600 10111 okanye anike ingxelo nakwesiphi na isikhululo samapolisa esikufutshane.

Lonke ulwazi luya kuthathwa njengemfihlo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks