Amapolisa aseGqeberha abambe umrhanelwa ze afumana iveni ebithunjwe ngempelaveki.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi amalungu aseMotherwell ebepatrola ngentseni yangoMgqibelo, afumene ulwazi nge-Isuzu LDV emhlophe eyayiqweqwediswe kwisitalato iMbanga eSoweto-on-Sea.
Uthi kutyholwa ukuba ummangali wayesendleleni eya emsebenzini xa amadoda amabini awayexhobe ef’amacala amqweqwedisa.
Isithuthi siye sabonwa e-NU9 eMotherwell nanjengoko abarhanelwa bezama ukubaleka, isithuthi simisile.
Ukanti iingxelo zidiza ukuba, umqhubi uye wabaleka ngeenyawo ngelixa umkhweli wesibini ebezama ukuhlasela amapolisa ngemela.
Kusenjalo kuye kwadutyulwana, kwaye umrhanelwa wonzakala emlenzeni.
Lo mfana oneminyaka engamashumi amathathu ananye ubudala ubanjwe ngezityholo zokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe kunye nokuba nesixhobo esiyingozi kwaye uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi eMotherwell ngoMvulo.
Kusenjalo, amapolisa aseGqeberha akhangela abarhanelwa abathathu kulandela ukuxhwilwa kwemoto eBethelsdorp ngoMgqibelo.
UKapteni Janse van Rensburg uthi ummangali wayehleli kwi-VW Jetta yakhe nomhlobo wakhe e-Catherine Road ngethuba abarhanelwa abathathu abangaziwayo beza kubo.
Uthi babagrogrise ngompu babayalela ukuba baphume emotweni.
Abarhanelwa emva koko baqhuba kwaye isithuthi safunyanwa sishiywe kwindawo yaseChatty.